Ufunyenwe ebhubhile uZintle Takane. Umfanekiso: SAPS
Ufunyenwe ebhubhile owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesine (24), nobechazwe njengonyamaleleyo ngoLwesihlanu, kwiveki ephelileyo eBhofolo.
Amapolisa aqinisekisile ukuba umzimba lo ufunyenweyo, ngokaZintle Takane, kwaye ufunyenwe ungcwatywe kwingcwaba elingekho nzulu ngoLwesibini, kule veki, eBhofolo.
Kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ngesi senzo, kwaye kulindeleke ukuba ivele kwinkundla yaseBhofolo ngoLwesine kwakule veki.
Othethela amapolisa uLietenant Colonel Siphokazi Masiwa, uthe uTakane ubebikwe njengolahlekileyo ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Ingxelo ithi uTakane ugqityelwe ukubonowa ngentsimbi yethoba ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, ekunye nesinqandamathe sakhe eMike Valley, eBhofolo.
Kutyholwa ngelithi uTakane wemka nesinqandamathe sakhe, ngemoto emhlophe yohlobo lweMercedes Benz, nalapho kungazange kuphinde kubekho mkhondo wakhe okanye kuviwe kuye. Isinqandamathe sakhe naso khange sifumaneke ukuza neenkcukacha ezinokukhokelela apho uTakane akhoyo.
Ingxelo yamapolisa iqhuba ithi, kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesine (34), kwaye iza kuvela kwinkundla kamantyi eBhofolo ngomso, umhla wesithandathu kule nyanga yeSilimela.
Uphando luyaqhuba.