Ukusukela ezinzulwini zobusuku bomhla wesihlanu kwinyanga yeSilimela kulindeleke ukuba lihle ixabiso lamafutha aquka idizili, ipetroli neparafini.
Oku kuhla kwala maxabiso kuza kanye ngexesha uluntu leli lilindele inguqu enkulu emva kokuba luthe lavotela urhulumente omtsha.
Ixabiso lamafutha linefuthe elikhulu kwimingxilo yonke yentlalo nanjengoko lidlala indima ukunyusa amaxabiso okutya kuzwelonke.
Amafama ngabanye abavakalelwa ngamandla xa kuthe kwabakho ukunyuka kwamaxabiso amafutha.
Ukuqina kwamandla werandi sesinye isizathu sokuhla kwexabiso lamafutha kweli, kuthwa nokuhexa kwedola yaseMelika.
Umbutho weAutomobile Association eMzantsi Afrika ithi iyakwamkela ukuhla kweli xabiso ngenxa yokuba kukho imfuneko yoko. Othethe egameni leAutomobile Association of South Africa uEleanor Mavimbela uyacacisa.
“Ngokolwazi oluqulethwe yiCentral Energy Fund ixabiso lamafutha liza kuhla ngerandi enesenti, idizili izakuhla ngerandi ilitha, logama iparafini yona kulindeleke ukuba ihle ngeesenti ezingamashumi asibhozo ilitha,” kutsho uMavimbela.
La mafutha ehla kanye ngexesha apho abantu bezakufuna ngamandla iparafini. Ngenxa yengqele eqhaqhazelisa amazinyo kuzwelonke uluntu luzakufuna ngamandla ukufudumala.
Amafama wona asebenzisa amafutha amaninzi aquka idizili ngeli xesha evuna imveliso ebezityalwe ehlotyeni eziquka umbona.