Umrhanelwa ofunwa ngamapolisa.
Kutshanje kubanjwe indoda yaseZimbabwe eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) eBhofolo kwaye kukho iingxelo zokuba ukubanjwa kwayo kuyayanyaniswa nesehlo esenzeke eDelft apho kubulawe abasebenzi ababini bakwaSasko, omnye wonzakala. Kodwa amapolisa aseNtshona Koloni athi ukubanjwa kwale ndoda akunanto yakwenza nesi sehlo.
UMkomishinala wamapolisa eNtshona Koloni uLieutenant General Thembisile Patekile ethetha noonondaba ngoLwesine ungqinile ukuba ukubanjwa kwale ndoda akunanto yakwenza nokubulawa kwabasebenzi bakwaSasko.
“Le ndoda yayisebhasini ngethuba ibanjwa eBhofolo. Ubanjelwe ukuba ngummi wangaphandle ongekho mthethweni,” utshilo.
Kutshanje ividiyo yabasebenzi bakwaSasko bephangwa imali phambi kokuba badutyulwe yothuse abantu. Esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo ngoLwesine eDelft, eKapa.
Abasebenzi ababini babhubhile kuquka umqhubi kwaye umsebenzi omnye obehleli phakathi wonzakele kakhulu kwaye usesibhedlele.
Akukabanjwa mntu ukuza kuthi ga ngoku. Kusasazwe imifanekiso emibini yabarhanelwa abafunwa ngamapolisa kumakhasi onxibelelwano.
Amapolisa acela ukuba nabani na onolwazi malunga nesi sehlo atsalele iCrime Stop ku-08600 10111.