Amapolisa alumkisa abantu abaphunyelwe zimali ukuba bangahambi beyixela.
Amapolisa aseNelson Mandela Bay acebisa ukuba nabani na ophunyelwe zimali angahambe eqhayisa ngayo.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu, ityala lamva nje lixelwe ngoLwesine umhla we9 kuCanzibe ka2024, kutyholwa ukuba ngomhla we9 kuTshazimpuzi ka2024 ummangali wafumana intlawulo ye’inshorensi emva kokubhubha kukamama wakhe.
“Uthe xa ephuma kwithaveni ekwisitalato uMgwangqa kwaNU6 eMotherwell, waxhwilwa ngamadoda amathathu (omnye esaziwa nguye).
“Wagrogriswa ngompu kwaye imali eninzi yathunyelwa kwenye ye’akhawunti yomrhanelwa,” utshilo uNaidu.
UNaidu uqhube wathi emva kokuchazwa kwetyala, malunga nentsimbi yeshumi elinambini emini emaqanda ngoLwesine, umhla we9 kuCanzibe ka2024, iqela lamapolisa aseMotherwell iTrio Task Team kunye namalungu eVispol baye bangena kwindlu ekwisitalato iMgwangqa babamba abarhanelwa abathathu.
Kuye kwafunyanwa uhlobo lompu we9mm onenombolo yesiriyali ecinyiweyo. Imoto yohlobo lweChevy Spark emhlophe efunyenwe kwindlu yomnye umrhanelwa kwaNU7 nayo yathathwa ngamapolisa.
Abarhanelwa abaneminyaka engama31, 39 kunye nama42 ubudala, bavalelwe ngezityholo zokuphanga kunye nokuxhwila. Umrhanelwa onama39 ubudala ukwavalelwe ngetyala lokuba nompu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni.
Kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseMotherwell ngomso ngoMvulo, umhla we13 kuCanzibe ka2024.
Amapolisa acebisa ngelithi ayibobulumko ukuxela ngemali elolu hlobo kumntu wonke. Ukungabaxeleli abantu ngeemali zakho linyathelo lokuthintela elinokunceda ukunciphisa umngcipheko wokuba lixhoba lezaphuli-mthetho, atsho amapolisa.
Amapolisa athi kubalulekile ukubeka phambili ukhuseleko lwakho lobuqu ngaphezu kwayo yonke enye into kwaye ufune iingcebiso kubacebisi ngezemali abathembekileyo okanye amagcisa ezomthetho malunga nokulawula nokukhusela impahla ezuzwa njengelifa ngokukhuselekileyo.