Umdlali weqonga waseMzantsi Afrika ongasekhoyo uMpho Sebeng. UMFANEKISO: INSTAGRAM/MPHO SEBENG
Asaphokoka amazwi ovelwano avela kwicandelo lezobugcisa kunye nabantu baseMzantsi Afrika ukusukela iindaba zokusweleka ngesiquphe komdlali weqonga uMpho Sebeng, 31, nezivakale kule mpelaveki iphelileyo.
Kuthiwa uSebeng ubhubhe kwingozi yemoto ePotchefstroom, kwiphondo laseMntla Ntshona ngeCawe, ngomhla wesihlanu kuCanzibe ka2024.
Usapho lwalo mdlali luqinisekisile ukusweleka kwakhe kulandela iingxelo zamajelo eendaba ngeCawe emva kwemini.
“Usapho lomdlali weqonga waseMzantsi Afrika, uMpho Sebeng, lunxunguphele ukuqinisekisa eluntwini nakumajelo eendaba ukuba ngenene unyana wabo uswelekile.
“Ngelixa usapho lubulela uthando olungaka kunye novelwano, lucela ithuba lokujongana nezi ndaba,” sitshilo isithethi sosapho lakwaSebeng uOupa Morake.
Oosaziwayo banike imbeko kulo mdlali weqonga
We will miss your infectious smile and kind heart.
— Langa Mavuso (@LangaMav) May 6, 2024
Our hearts are broken
#RIPMphoSebeng pic.twitter.com/HbqkVtYObU
💔
— Mbuyiseni Ndlozi (@MbuyiseniNdlozi) May 5, 2024
Truly sad to hear of the untimely passing of Mpho Sebeng. May the family be comforted. I’m lost for words. #RIPMphoSebeng pic.twitter.com/5T8Zd0ai4r
The Power of Kindness: A Message for Young People - Mpho Sebeng#PowerOfKindness #SpreadLove #RespectAndCompassion #BeKind #YoungGeneration #PositiveVibes #RIPMphoSebeng #LoveAndRespect #SpreadPositivity #MakeADifference pic.twitter.com/gY5CyKKoHl
— djsbu (@djsbu) May 6, 2024
What a fine young man. What a talent. What a dedicated thespian. 💔![CDATA[]]>💔![CDATA[]]>💔![CDATA[]]>💔![CDATA[]]>💔Sending love and prayers to the Sebeng family and all Mpho's loved ones. 🕊️🤍![CDATA[]]>🕊️#RIPMphoSebeng pic.twitter.com/2ulYbIqfjw
— Mme a Masakona (@FloMasebe) May 5, 2024
“Born to amuse, to inspire, to delight Here one day and gone one night”
— Lawrence (@Lawrence_Maleka) May 5, 2024
Gone too soon.
#RIPMphoSebeng 🕊️
You will be missed. Our South African story won't forget your greatness. Rest easy. Ulale ngoxolo Mpho. #RIPMphoSebeng pic.twitter.com/F8r7fFrPaE
— Portia Gumede (@portiagumedesa) May 5, 2024
RIP:
— Kgopolo (@PhilMphela) May 6, 2024
Local television shows currently in production honour the passing of actor Mpho Sebeng. #etvIsithaTheEnemy#ChampionsMzansi #etvHouseOfZwide#YounginsShowmax #RIPMphoSebeng pic.twitter.com/U3tv9oBLZM
USebeng yinzalelwane yaseSoweto, waqala ukudlala kwimidlalo kamabonakude esemncinane. Ukhe wadlala kwimidlalo kamabonwakude nakwimiboniso bhanyabhanya emininzi - iSoul Buddyz, Savage Beauty, Ring of Lies, The Queen, The Brave Ones, ukukhankanya ezimbalwa.
USebeng uza kungcwatywa ngoMgqibelo, umhla we11 kuCanzibe ka2024.