Umbane yenye yezinto ezisetyenziswa nezifunwa mihla yonke ngabantu belizwe loMzantsi Afrika, iNational Energy Regulator of South Africa ilinyusile ixabiso lombane. Ingxelo ithi umbane unyuke ngeepesenti ezilishumi elinesibini.
Oku kwenzeka nangona kungekabikho sisombululo kwingxaki yokucima kombane kuzwelonke. UDawie Roodt oyingcali yezimali kwiEfficient Group uchaza indlela abona ngayo oku kunyuka kwamaxabiso ombane.
“Imeko yezimali yeli ayikhuli ngoko ke imeko yokucinezelwa kwabathengi iseza kuqhubeka, isizathu soku yimithetho emiselwa nguRhulumente eyenza ukuba ingakhuli imeko yezimali,” kucacisa uRoodt.
Ukunyuka kwexabiso lombane kwenzeka logama abasebenzi bakwaRhulumente benyuselwe imali ngeepesenti ezine kuphela. Kwelinye icala, ixabiso lamafutha nalo lihla linyuka, kwaye lo nto yenza kube nzima ukusebenza ngakumbi kwabo basebenzisa amafutha aquka idizili.
“Ukunyuka kwexabiso lombane kuzakuchaphazela izinto ezininzi eziquka umsebenzi wokuvelisa ukutya noshishino ngokubanzi,” kucacisa uRoodt. Uninzi lweentsapho ezihluphekayo kweli zilala ebumnyameni ngenxa yokungabinayo imali yokuthenga umbane.
“Abathengi ngabona bachatshazelwa ngamandla kukunyuka kwexabiso lombane, ngoko ke ngabo ekumele ukuba bavakalise intlungu yabo kuRhulumente wabo,” kutsho uRoodt.
Ukusukela kunyaka ophelileyo, uRhulumente weli wamisela iSebe elijongene ngokukodwa nombane ngeenjongo zokuphelisa ukucima kombane nezinye iingxaki.
UIsaac Matshego oyingcali yezimali kweli uthi ngenene ziimpawu ezingentle ukunyuka kwexabiso lombane. “Ngaphandle kwawo, zininzi izinto ezidingwa ngabantu ezinyuka rhoqo, ngoko ke ubomi buya kuba nzima kakhulu, ingakumbi kubathengi,” kutsho uMatshego.
Ushishino kweli lihleli libetheka kakade ngenxa yombane ocimayo ingakumbi abo bathengisa izinto eziphelelwa lixesha.
Amafama ngawona akhala yonke imihla ngenxa yokucinyelwa ngumbane okubangela ukonakala kweemveliso zabo zolimo. Ukunyuka kwexabiso lombane kuya kwenza kube yimfuneko ngokwenene ukunyusa amaxabiso.
Ingcali kwezombane uSampson Mamphweli uthi ngenene kuza kubanzima kubathengi ngenxa yokunyuka kwexabiso lombane.