Iindaba

Kufikwe esongelwe ngengubo odutyulwe ngubhuti wakhe!

Tauriq Hassen|Published

Amapolisa aseDutywa eMpuma Koloni afike kwindawo yexhwayelo odutyulwe ngubhuti wakhe ethe ga ecaleni kwendlela wabe umzimba usongelwe ngengubo.

Ingxelo ephuma kuWarrant Officer Nkohli Majola ithi, yindoda eneminyaka enamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ebanjiweyo emva kokuba ithe yadubula yabulala ubhuti wayo ekuzeni kusa ngeCawa esisuka kuyo.

UNkohli uthi, oludubulwano lwenzeke kwilali iMantshilibeni kummandla wakuVonqo eDutywa. Ixhoba belinamanxeba okudutyulwa kumzimba ongentla.

Igama lexhoba liyaziwa, okwangoku kusalindwe de kuququnjelwe ufaniso lomzimba kwanophando lwamapolisa.

Isibham ebesisetyenzisiwe sithathiwe nesizakuncedisa kuphando.

Ubhuti (45) useziseleni ujongene netyala lokubulala. Sithetha nje ulindele ukuvela phambi kwenkundla yamatyala eDutywa.

Unobangela wolungquzulwano kwabazalanayo awukaziwa.