UIminathi Feni waseMotherwell olahlekileyo. UMFANEKISO: SAPS
Icandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela bosapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye nolwaphulo mthetho lwezesondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ekukhangeleni umfana oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala owalahleka ngoLwesibini umhla we-23 kweyoMqungu kulo nyaka.
Kuthiwa ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nentsimbi ye-18:30, lo mfana onguIminathi Feni igama, ohlala kwisitalato iZamukulungiza, kwaNu2 eMotherwell wemka kowabo.
Umama wakhe wayecinga ukuba wayeye kwindlu yomhlobo wakhe. Emva kweeyure ezimbini engekabuyi, umama wakhe waya kumkhangela, sitsho isithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse Van Rensburg.
“Iinzame ezenziwe lusapho zokumkhangela ziye zatsho phantsi. Ngemini elandelayo akazange abuyele kowabo, nto leyo eyanyanzela ukuba kuyovulwa ityala lomntu olahlekileyo kwisikhululo samapolisa Ikamvelihle,” utshilo uJanse Van Rensburg.
Ebenxibe iyunifomu yakhe yesikolo, iblazer eluhlaza okwesibhakabhaka, ihempe yesikolo emhlophe kunye nebhulukhwe engwevu enxibe izihlangu ezirhuqisayo (slip slops) ezinyaweni.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uIminathi, ukuba aqhagamshelane ngokukhawuleza nomcuphi ophethe eli tyala uWarrant Officer Riaan Krause ku-071 352 4674, iCrime Stop ku-08600 10111 okanye asebenzise iMy SAPS App.