Kubhubhe abathandathu logama abathathu bonzakele ngosuku lweKrisimesi kwindlela uR61 eNgcobo. UMFANEKISO: ECDOT
Kubhubhe abantu abathandathu ngelixa abathathu bonzakele emva kokuba imoto abebekhwele kuyo ibhukuqe kwindlela uR61 eNgcobo ngolu suku lweKrisimesi.
“Eyona nto imbi kakhulu kukuba kurhaneleka ukuba aba bantu banokuba ngabantu bosapho olunye,” utshilo u-Unathi Binqose, isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni.
UBinqose uthi banika ingxelo ngezi ngozi kuba benembophelelo, uthi ukubika ngezi ngozi ngosuku olunje kuyabakhathaza emoyeni.
Uthi unethemba lokuba xa benika ingxelo ngezi ngozi bazakuchukumisa abantu kwaye bancede abantu bathwale uxanduva kananjalo basebenzisane nesebe kwiinzame zabo zokunciphisa iingozi ezindleleni.
Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha uvakalisa amazwi ovelwano kwezi ntsapho nezinye iintsapho ezininzi ezizibhaqe zigutyungelwe lilifu elimnyama ngeli xesha.
Iingxelo zithi bangaphaya kwamakhulu asixhenxe (700) abantu ababhubhileyo ezindleleni kuMzantsi Afrika wonke ukusukela ekuqaleni kwale nyanga.