Iindaba

Zigcine ukhuselekile kwiindudumo ngexesha lasehlotyeni!

Cwayita Nondula|Published

Zigcine ukhuselekile kwiindudumo ngexesha lasehlotyeni.

Zigcine ukhuselekile kwiindudumo ngexesha lasehlotyeni.

Ukwazi ukuhlala ukhuselekile ngexesha lemozulu yasehlotyeni kunokusindisa ubomi bakho okanye bomntu omthandayo.

Ngoku sikwixesha leziyunguma, abantu bonwabele iiholide zehlobo, ngelixa abanye basalindele ukuphumla emsebenzini. Eli lixesha apho abantu bathanda ukuba neebraai okanye ukuphumla elwandle okanye kwipuli.

Ihlobo lixesha lobushushu kunye nolonwabo. Kodwa ikwalixesha apho uMzantsi Afrika uthandwa kakhulu yimozulu embi. Kutshanje iNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika, iSouth African Weather Services, ikhuphe izilumkiso ezibini zeNqanaba lesibini zeendudumo ezinamandla eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal.

Ezi zingcebiso ngokhuseleko xa kukho iindudumo ngoncedo lweNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika.

Ungakhuseleka njani ngexesha leendudumo

• Ukuba ungaphandle xa ubona okanye uva iindudumo zisiza, funa indawo ekhuselekileyo ngoko nangoko.

• Iindawo ezingakhuselekanga ngexesha lombane okanye izaqhwithi zombane zizakhiwo ezide njengemithi, iintambo zemfonomfono nezombane.

• Musa ukuzimela phantsi kwemithi encotsheni yeenduli, kwiishedi ezime qelele okanye kwizakhiwo ezikumanzi avulekileyo.

• Phepha ukuba kufutshane okanye ubambe izinto zentsimbi ezinje ngocingo, iinqwelo zegalufa, iibhayisekile, izithuthuthu, iintambo zemfonomfono okanye iintambo zombane kunye nezakhiwo zentsimbi ezifana neepiloni (pylons) kunye neewindmill.

• Ukuba ungaphakathi endlini ngexesha leendudumo, hlala kude neefestile kwaye ungabambi nayiphi na into yentsimbi.

• Musa ukusebenzisa nasiphi na isixhobo sombane kunye nemfonomfono.

• Ungalinge uhlambe okanye uthathe ishawa.

• Ukuba usendleleni, hlala ngaphakathi kwisithuthi.

• Musa ukuqubha okanye ukudlala ezemidlalo xa kukho iindudumo. Abadlali begalufa kunye nabalobi basengozini enkulu.

Nceda uhlale ukhuselekile ngeli xesha leziyunguma.