UNimikelo Middlekamp odukileyo. UMFANEKISO: SAPS
Abacuphi besikhululo samapolisa eDespatch bafuna uncedo kuluntu ekufumaneni owasetyhini waseDespatch oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala owathi waduka ngenyanga yoMsintsi kulo nyaka ka2023.
Ngokweenkcukacha zamapolisa, uNimikelo Middlekamp waphuma endlini yakhe eMoevalley malunga nentsimbi ye15:30 ngomhla wethoba kweyoMsintsi ka2023 kwaye akazange abuye.
Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ijini eblu, iimbadada ezimthubi kunye netop emnyama namhlophe. Ukwanamehlo amdaka ngombala kwaye ungumntu onomzimba omncinci.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni uMiddlekamp okanye omaziyo apho akhoyo ukuba aqhagamshelane neSAPS Despatch, umchuphi wesasikhululo uDetective Warrant Officer Danny Muller ku-081 392 1529 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.
Zonke iinkcukacha ziyimfihlo, kwaye abo bafowunayo banokuhlala bengaziwa ukuba bafuna ukuzikhusela.