Iflegi yelizwe lasePalestina.
IMuslim Judicial Council (MJC) ithi izakuqalisa iphulo layo ingenelela kumazwe akwaye ilizwe lakwaSirayeli ukusukela ekuqaleni kwaleveki izakuqala.
IMJC ingenelela ixhasa imibutho nooRhulumente abaninzi behlabathi abachasene neenkqubo zoRhulumente welizwe lakwaSirayeli.
UAlie Komape weMJC uthi bazimisele ukwenza umahluko nabo ukubonisa ukuchasa kwabo ukucinezelwa kwabantu belizwe lasePalestina lilizwe lakwaSirayeli.
“Sijonge ukuba sizikwaye zonke iimveliso zelizwe lakwaSirayeli ezivenkileni zethu nasezindlini zethu,” kucacisa uKomape.
Uhambisa athi bazakulandula ukupasiswa kweemveliso ezivela kwaSirayeli ukuba zingene zithengiswe kwiivenkile zabantu abankolo ibubuSilamsi.
“Sifuna ukwenza ifuthe elizakuvakala ngamandla kwimeko yezimali kwilizwe lakwaSirayeli, simemelela ukuba likhululwe ilizwe lasePalestina ngezintshukumo,” utsho Komape.
Uthi ngelizama ukuqinisa uxinzelelo labo bengabantu benkolo yobuSilamsi abasoze bazithenge iimveliso ezingenasiqinisekiso.
“Sizakukhuthaza abantu bethu ukuba bangangeni kwiivenkile ezingenasiqinisekiso sibhaliweyo, senza oko sizama ukuqinisekisa ukuba azikho iimveliso zakwaSirayeli,” kutsho uKompane.
Amazwe anabantu abaninzi abaphantsi kwenkolo yobuSilamsi aquka amazwe afana neJiphethe, Aljeriya, Nayijeriya, Chad, Sudan, Tanzania, Senegal, Maleyishiya, Indoneshiya, Dubai namanye.
Ilizwe lakwaSirayeli lihlasela ilizwe lasePalestina ngelithi lizikhusela kwiHamas, kwaye sele kufe abantu abakwizigidi. “Sizakuzivala zonke iindlela abazama ukuphila ngazo abantu bakwaSirayeli, sifuna ukuba ngenene balivele ulwamvila,” kutsho uKomape.
Abantu benkolo yobuSilamsi kwihlabathi ziibhiliyoni ezimbini kwaye banamandla okwenza umahluko abanqwenela ukuwenza kweli dabi, itsho ingxelo.
Ilizwe loMzantsi Afrika nemibutho yezopolitiko kweli equka iEFF ixhasa ilizwe lasePalestina ukuba likhululeke, uSirayeli ahlukane nokuhlasela iPalestina.
“Sibulela ngokungazenzisiyo kuNkosi Mandla Mandela ngokuxhasa iintshukumo zethu zokuvakalisa ulwamvila lethu kuSirayeli, usebenze nzima ukuza kufika kweli nqanaba sikulo,” kutsho uKomape.