Abaququzeleli bale tumente, uMasa Mbem noLuvo Nkwenkwe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Umbhali: Olwethu Mthambeka
Ilali yakuCegcwane, kude kufuphi noMthentu eMthatha eMpuma Koloni, ibambe itumente yebhola ekhatywayo neyomnyazi, ngeenjongo zokuphuhlisa iinzame zokuqinisekisa ukuba akukho bantwana basebenzise iziyobisi, endaweni yoko mababe nento eza kubaphazamisa ekusebenziseni iziyobisi.
Abaququzeleli bale tumente, uMasa Mbem noLuvo Nkwenkwe, bacacise indlela le tumente eqhuba ngayo kwanokuba bafuna kwenzeke ntoni ngokwenza le tumente. “Le tumente siyiqale ngoTshazimpuzi ka2019. Wonke umntu wamkelekile ukuba athathe inxaxheba, asinaminyaka ibekiweyo, ukuba ubani ufuna ukuba yinxalenye yayo, iingcango zethu zivuliwe,” utshilo uMbem.
Omnye wabaququzeleli bale tumente, uMnu. Nkwenkwe ucacise ngeenjongo zale tumente. “Itumente yaseCegcwane Sport imalunga nokumanyanisa ulutsha lwaseCegcwane neelali eziyingqongileyo ngokuthatha inxaxheba kwimidlalo eyahlukeneyo. Sizimisele ukuzisa imidlalo ngomnqweno wokuzama ukususa abantu, ingakumbi ulutsha kwimikhwa efana nokusebenzisa iziyobisi.”
Esi sibini sikwafuna ukufaka isandla kuphuhliso lwemidlalo yasemaphandleni ngokusebenzisa amathuba emidlalo ukugaya abadlali. Le tumente ikwanegalelo kuqoqosho lwasemaphandleni ngokudala amathuba emisebenzi kubathengisi basesitalatweni nanjengoko bethengisa iziqhamo, iziselo, ukutya okukhawulezayo kunye nezinto ezenziwe ngezandla ngemini apho kukho imidlalo.
Ukuvumela abantu bagxile kakhulu kwezemidlalo kulukhusela kakhulu uluntu kwizinto ezifana neziyobisi ezingekho mthethweni, ukusetyenziswa kakubi kotywala, ubusela bemfuyo obungundaba-mlonyeni kutsha nje.
Lo ngunyaka wesine wale tumente ukusukela oko yasungulwa ngo2019. Kodwa ngenxa yemithetho yeKhorona kuye kwafuneka bayithobele kwaye bangasingathe le tumente ngelaxehsa ubhubhane wawugqugqisile.
Ukufumana abaxhasi bale tumente akubanga yindlwan’iyanetha kodwa ngoncedo loMdali kulo nyaka baxhaswe yenye yeevenkile zempahla uStudio 88.
Banomnqweno wokufuna ezinye iinkampani okanye imibutho ezakubaxhasa, bakwalindele ukuba amaqela amaninzi athathe inxaxheba ngakumbi kule tumente.