Ezinye zemoto ezonakaliswe ngabahlali beqhankqalaza kubusuku bangoLwesine kwiveki ephelileyo eBuffulo Toyota eMonti.
UMasipala ombaxa iBCM usikhalimele isenzo sabahlali abonakalise indawo ethengisa nekwagcina iimoto iBuffalo Toyota eseBeacon Bay kuqhankqalazo ebelubanjwe ngabahlali ngoLwesine bakwaNompumelelo neyaziwa ngokuba yiGqobhasi ekufutshane noBuffalo Toyota.
IBCM ithi ukonakalisa indawo zoshishino akwamkelekanga kwaye lo masipala uzinikele ukusombulula le ngxaki.
IBCM ithi izakunikeza abantu abasixhenxe (7) abaqaphelekileyo phakathi kwalonginginya yabaqhankqalazi iimpepha zenkundla. Ezi mpepha zithintela ekubeni abahlali xa beqhankqalaza bangavali iindlela, bangaweleli kwizakhiwo zoshishino, ukonakalisa izakhiwo kwanokugrogrisa abaqhubi beemoto.
“Sikwabongoza namashishini akufutshane ahlale ethe qwa kwaye aqinise nokhuseleko njengoko ezi ziganeko zokumosha zisenzeka ebusuku. Isigqeba seenkokheli sikaSodolophu siceba indibano ezikhawulezileyo neenkokheli zaseGqobhasi eziphambili kuqhankqalazo,” utshilo uSamkelo Ngwenya othethela iBCM.
Abahlali bakhalela iinkonzo ezingundoqo zikarhulumte.
USodolophu uzama isisombululo esakuthi sikhawulelane nabahlali.
IBuffalo Toyota kwimbalelwano eyikhuphileyo ithi yothukile sesi sehlo ingakumbi kukudala isebenzisana ikwanceda noluntu lwaseGqobhasi. Abahlali bonakalise iimoto kwanezakhiwo nengachazanga umonakalo ukuba ungaxabisani na.