UAseza Mnqokoyi waseMotherwell olahlekileyo. UMFANEKISO: SAPS
Iqela leFamily Violence, Child Protection & Sexual Offences eGqeberha licela uncedo kuluntu ekufumaneni intwazana eneminyaka elishumi elinesithathu (13) eyaduka ekuqaleni kwale nyanga ngeCawe umhla wokuqala kweyeDwarha.
Iingxelo zithi ngoMgqibelo, umhla wamashumi amathathu (30) kweyoMsintsi, le ntwazana uAseza Mnqokoyi waseMotherwell ebeye kwitheko lokuhlamba iphepha ipens down ngamakhumsha kwithaveni eNU 10 eMotherwell eGqeberha.
Akazange abuyele kokwabo kwaye usapho lwakhe lwavula ityala lomntu olahlekileyo ngoMvulo, umhla wesibini kweyeDwarha kwisikhululo samapolisa saseMotherwell. Iinzame zentsapho yakhe zokumfumana azizange ziphumelele.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uAseza Mnqokoyi ukuba atsalele umcuphi uWarrant Officer Riaan Smith ku-071 352 5094 okanye uCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane.