AmaPolisa aseMthatha aphanda ngetyala elishiye uninzi lukwanqisekile emva kokubhaqwa kwemizimba emibini eyendoda (40) kwakunye nowasetyhini (30) ibhaqwa ize owasetyhini engaphezulu kubhuti kwaye namalungu abo angasese edumbile.
Ngokwengxelo ephuma kuCol Priscilla Naidoo ithi, unobangela woku awukaziwa usaphandwa, kwaye kuzakwenziwa uqhaqho lwemizimba.
UNaidu uthi esi sibini sibhaqwe ngoMvulo wale veki kwindlu kabhuti kwilokishi iSibanye Extension kwidolophu yaseLibode.
Ingxelo iqhuba ithi, ubhuti ebesebenza njengeGosa lezendlela (Traffic Officer) phantsi komasipala iKSD eMthatha usisi yena ebesebenza kwaOld Mutual naye edolophini eMthatha.
Emva kokuba ubhuti engakhange angene ngoMvulo emsebenzini ugxa wakhe emsebenzini uye wayalelwa ngabaphathi ekubeni ayokukroba ixhoba apho lihlala khona.
Ekufakeni kwakhe ufike ucango lusavaliwe xa ekroba ngefesitile waqaphela ukuba bakhona ngaphakathi ekulunguzeni kwakhe ngethuba ekroba uqaphele ukuba bahambaze bobabini kwaye usisi ungaphezulu kubhuti.
Abamelwane beze ngokukhawuleza kwabizwa namaPolisa, nekuye kwafumaniseka okuninzi okushaqisayo. Enye yazo kukuba ezi zithandani zibhubhe ngethuba zisabelana ngesondo. Kukwafumaniseke okuninzi okothusayo kwezi zithandani nekungenokuchazwa okwangoku.
Kwesi sehlo akukrokrelwa mntu ungenileyo kuba akukho macango, zifesitile namadonga awonakaleyo okanye akukho zimpawu zokungenwa ngenkani ngaphakathi.
Imizimba iye yathathwa yasiwa kwimoshwali karhulumente apho kuzoyokwenziwa uqhaqho khona.
Amagama amaxhoba ayaziwa l’solezwe lesiXhosa koko kuba kusekutsha kwaye izihlobo zamaxhoba zingekaziswa zonke asikwazi ukuwapapasha.
Livuliwe iqwakuqwaku kwaye uphando luyaqhutywa ngabecuphi.