Iintsapho ezimbini zitshe zabhubha.
Iintsapho ezimbini ziphulukene nobomi bazo ngethuba kusitsha amatyotyombe abo kwiziganeko ezahlukeneyo eNdevana naseAlgoa Park kule mpelaveki.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi, isiganeko sokuqala, umama (40) nabantwana bakhe abathathu babhubhe ngentseni yangoLwesihlanu umhla weshumi elinesihlanu (15) kwinyanga yoMsintsi, ngethuba kutsha ityotyombe labo eTshabo eNdevana.
“Abantwana abaphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwelishumi (amantombazana amabini nenkwenkwe) babhubhele kulo mlilo. Abamelwane bazama ukuwucima lo mlilo, kodwa wawumkhulu kakhulu. Amagama aya kukhutshwa xa izalamane zazisiwe,” utshilo uNaidu.
Kwesinye isiganeko, kubhubhe usapho olunamalungu amathandathu ngethuba kutsha ityotyombe labo eliseJack Street eMissionvale eAlgoa Park eGqeberha.
NgokukaNaidu, kutyholwa ukuba abantu abadala ababini nabantwana abane babhubhe kulo mlilo. Iminyaka namagama awaziwa okwangoku. Kurhaneleka ukuba unobangela kungenzeka kungenxa yokutsweba umbane kodwa oyena nobangela uya kumiselwa lisebe lomlilo.
Kuwo omabini la matyala, kuvulwe iidokethi zophando.