Ongasekhoyo uNkosi Mangosuthu Buthelezi.
Uzakungcwatywa eUlundi kuMasipala weSithili saseZululand, eKZN kuloMgqibelo womhla weshumi elinesithandathu uNkosi Mangosuthu Buthelezi emva kokubhubha ngomhla wethoba kule nyanga yoMsintsi.
UButhelezi uchithe ixesha elide engumcebisi kubuKumkani besizwe sakwaZulu, ekwangumsunguli owabanguMongameli weInkatha Freedom Party (IFP). Kuqhutywa iinkonzo ekhayeni likaButhelezi rhoqo ngentsimbi yesihlanu kude kube ngoLwesihlanu.
Iinkokheli zemibutho eyahlukeneyo yezopolitiko iyaqhubeka ukutyelela ikhaya lakwaButhelezi, KwaPindangene. Oyinkokheli yombutho weIFP uMkhuleko Hlengwa uyangqina ukuba uButhelezi uzakungcwatywa ngoMgqibelo. '
“Ngokwengxelo yekhaya, kunyanzeleke ukuba umngcwabo uqhutywe ngoMgqibelo nanje ngoko kuzakwenziwa umngcwabo okwiqondo lokuqala, ngoko badinga ixesha elaneleyo ukulungiselela,” kutsho uHlengwa.
Kulindeleke ukuba kuqhutywe inkonzo yesikhumbuzo ezakuba isandulela umhla womngcwabo. “Simema abantu ukuba baphume ngobuninzi ukuza kuba yinxalenye yenkonzo yesikhumbuzo sikaNkosi Mangosuthu Buthelezi, senza konke oku sinika imbeko kwigalelo lakhe,” kutsho uHlengwa.
UButhelezi ubenguMphathiswa wokuqala weSebe lezekhaya kweli loMzantsi Afrika phantsi koRhuluemnte wentando yesininzi. “Sicela ukuba usapho luhlonitshwe, leyo yinto esizakuyenza sonke, ikhaya sele liyicacisile into yokuba linqwenela ukunikwa elothuba lokuzila nokuhlonitshwa,” kutsho uHlengwa.
UNkosi uMbonisi Zulu uthi ngenene yilahleko ukushiywa kwabo nguNkosi uMangosuthu Buthelezi. Ethetha malunga nomcimbo wokuba ngubani ozakungena ezihlangwini zikaButhelezi nje ngeNkulumbuso yesizwe samaZulu uthe.
“Kunzima ukuthetha ngomcimbi wokuba ngubani ozakungena endaweni yakhe nje ngeNkulumbuso yesizwe samaZulu. Kufuneka ukuba sihlale phantsi silikhaya ukuze sikwazi ukuthatha isigqibo esakwanelisa wonke umntu,” kutsho uZulu.
Ngaphandle kokuba yiNkulumbuso yesizwe samaZulu uButhelezi udlale indima enkulu ukukhusela, ukukhulisa ubuKumkani besizwe samaZulu. Ukanti uHlengwa uyazigxeka iingxelo zokuba uButhelezi udlale indima ekubulaweni kwabantu boMzantsi Afrika.
Oku kuvele kwinqaku elibhalwe kwiphephandaba iCity Press libhalwa nguMondli Makhanya, uMakhanya unembali wokungavani nalenkokheli ikhothamileyo yeIFP.
“Kunyaka ophelileyo siqhube uqhankqalazo oluya kwiofisi zeCity Press sikhalazela indlela uMandla Makhanya abhala ngayo xa ethetha ngoButhelezi nombutho weIFP, kukho ityala elisenkundleni ngoku sithethayo malunga noMakhanya, sizakuliqhubela phambili elo tyala,” kutsho uHlengwa.