Oye kumagqibela kankqoyi kaMrs BCM noMrs Universe SA, umbhali weencwadi zesiXhosa uSiphokazi Mpofu ucela izihlangu ezichophileyo ecelela abantwana abangathathintweni nabanomdla kukhuphiswano lonobuhle. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Sisitsha, sisidala, kodwa sibukeka - isihlangu esichophileyo sakuthi senze umohluko omkhulu kumntwana ongathathintweni kwaye onephupho lokuba nguMiss South Africa ngenye imini.
USiphokazi Vanessa Mpofu ophumelele uMrs SA Charity 2023, obekwa koomagqibela kankqoyi kaMrs Buffulo City ongumnikazi we-Ikhaka leSizwe Pagent Consultants, ukwiphulo lokuphucula kwanokupuhlisa abantwana abangamantombazana abazibona bengooMiss Universe ngenye imini.
UMpofu nolandele ikhono lakhe lokungenela onobuhle ebudaleni uthi uyazingca ngesigqibo awasithathayo, uthi eli ithuba zange alifumane ngexesha lakhe esemtsha nathi kodwa akukho nto yonakaleyo kuba liyafezeka iphupho lakhe kwaye ngoku uphila lona.
Lo kaMpofu ucela izihlangu ezichophileyo kulowo ungasazisebenzisiyo, ecelela abantwana abangamantombazana abangenela ukhuphiswano lonobuhle.
Ucela izihlangu ubukhulu eziqala ku3 oyotsho ku7. Eli phulo ulungiselela ukhuphiswano lonobuhle oluzakuba ngomhla we16 kwi nyanga ezayo eGompo Hall eMonti, uMiss Heritage EC 2023.
“Abantu ndicela banikele ngezihlangu ebantwaneni babaphe noba sitsha okanye seso sidala bandixhase kwezi sele ndinazo ukupha abo basweleyo kodwa benephupho.
“Ndiyibonile imicelimngeni ejongene nabantwana abanomdla konobuhle umzekelo abaphuma kumakhaya angathathintweni nabanabazali abangenawo umdla, abangabonakalisi nkxaso ebantwaneni xa kunokhuphiswano, abantwana babodwa akubikho ziintsapho zibaxhasayo. Kulapho ndiye ndabona ukuba mandingenelele ndibancedise.
“Ndifuna iphele into yokungenela kuphela kwabantwana abaphuma kumakhaya aphuhlileyo la thatha entweni kuphela, ndifuna bazithembe akwazi umntwana ephuma etyotyombeni abenguye naye uMiss World,” utshilo UMpofu.
UMpofu linina elithwele iikepusi ezininzi ukwanguye nombhali weencwadi zesiXhosa enye yazo ithi Zajik’zinto, ukwanguye nomsunguli wombutho ongenanto nakwenza narhulumente iZibazana Women Association.