Uluntu lwaseGcuwa lukhala umhla nezolo ngenxa yezehlo ezibuhlungu ezenzekayo kulammandla, oku kuza emva kwesinye isithwakumbe sokubhaqwa komfundi kaGrade12 ezixhomile egaraji ekhayeni lakhe.
Lo mfundi (17) noyidyongwana welali iMabhakwini eNgqamakhwe kufutshane nelali kuNdabakazi ebefunda eNdabankulu High School kuNdabakazi eGcuwa
Iingxelo ithi ufunyenwe ejinga egaraji sekubonakala ukuba inexeshana ilengalenga ngentambo.
Esi isithwakumbe saledyongwana senzeke kanye kwi wadi enye u12 eMnquma neso besisandula ukwenzeka esika mama uBongeka Buso (37) obezibulele nabantwana bakhe abathathu kwi veki ezimbalwana ezidlulileyo.
IKhula Community Development Project EC ejongene nokulwela amalungelo abantwana namanina, ityelele kwelikhaya emva kokuva ezi indaba nethi ifike imeko ibuhlungu kumama wexhoba.
“Ndicela sisondeze elikhaya ngemithandazo xa sikhunga emakhaya ukuze umzali womntwana nabantakwabo bafumane ukuthuthuzeleka.
“Akasekho utata womntwana bahlala nomama, ndifike ndazibonela ngokwam imeko ebuhlungu kumama walapha ukushiywa ngumntana wakhe engagulanga. Kolusapho sithi thuthuzelekani,” lawo ngamazwi kaPetros Majola weKhula Community Development Project EC
Okwangoku usapho lusadibanisa intloko ngomkhombandlela njengoko lusothukile.
Ixhoba likwachazwa njengomntwana olungileyo nobesithanda isikolo ethanda neencwadi.
Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni lithumelo igqiza kubafundi nakusapho oluchaphazelekayo ekubeni bafumane ululeko ngokwasemphefumlweni.