Inginginya yabahlali baseChris Hani bezalise intente eTsomo apho uCyril Ramaphosa aqhuba khona Imbizo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Bakhalela iinkonzo zoluntu ezingafikiyo kubo abahlali baseChris Hani nabathi bazibonela kude kubo. Okuphambili ziibhulorho, iindlela ezimbi, izixhobo zokulima kwanokungabina zibhanki kwiidolophu zabo ezifana neTsomo, eCofimvaba neNgqamakhwe.
Aba bakutsho namhlanje kwimbizo ngethuba uMongameli uCyril Ramaphosa, abaPhathiswa kuquka neNkulubaphathiswa yePhondo betyelele eTsomo eNtsika Yethu nephantsi kweChris Hani, kwiinkqubo eziqhutywa ngurhulumente.
Umhlali obethetha noonondaba uthe bayasokola abanazo iibhanki kufuneka umntu aye eKomani, eNgcobo okanye eGcuwa ukuze angene ngaphakathi ebhankini. Uqhuba athi lonto iyababetha kuba ukuya kwezi dolophu yimali eninzi akufani nokuya edolophini eTsomo.
Abahlali bakwakhalela ukwakhelwa nokuba lintshontshwana lodederhu lweevenkile imall ukutsho kuba ivenkile abanayo inye kuphela ngu Shoprite, bathi kufuneka de baye kwezi iidolophu zikhankanywe ngentla ukuze bafumane iivenkile ezininzi.
Bakwacele nokunikwa izixhobo zokulima bekwacela nesibhedlele bathi akho sibhedlele baya kwezinye iidolophu abantu baphelele bebhubhela endleleni ndlela leyo imbi ngayo.
Okunye bakwacele kuvulwe namathuba engqesho kulammandla kuba ulutsha luyayabula kwaye nolwaphulo mthetho luyenyuka kuba alunanto yakwenza.
UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uthi baze eluntwini bezokumamela kwaye uzivile nezikhalo zolwaphulomthetho.
UMphathiswa wezaMandla kuzwelonke uGwede Mantashe uthi aziyonyani iingxelo eziphuma kuluntu zokuba bayele ukuba kusondele uvoto kwiinyanga ezizayo.