Iindaba

Ashiyeke enoloyiko amanina ziziganeko zokubulawa kwawo

Abongile Ginya|Published

Abasetyhini beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Abasetyhini beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

UMphathiswa wezoKhuseleko noThutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha uthi bazakusebenzisana neSebe lesiPolisa ukuqinisekisa ukuba uluntu ekuhlaleni lukhuselekile. Ezintetha zikaNqatha ziza emva kokuba amanina ebegcwalise iNkundla yamaTyala eMonti ngoMvulo evakalise uloyiko besithi awakhuselekanga kwaye anoloyiko ku makhaya abo ngenxa yeziganeko ezenzekayo zokubulawa ngokungenalusini kwamanina.

UNqatha ebesenkundleni ekunye noMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uNomthetheli Mene ngethuba kuvela amadoda amathathu uSiyanda Makeleni (44), uThemba Dingela (50) kwakunye noMandla Qosho (45).

Esi sithathu sijongene nezityholo zokuxhwila, ukuphanga kwanokubulala amakhosikazi amabini aseNcerha Village 7 uZoleka Gantana (57) kwakunye nomncedisi wakhe uKholosa Mpunga (27).

Abarhanelwa abathathu bebevele enkundleni eMonti ngoMvulo. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

UNqatha uthi esisiganeko sikumila bunje ayisosokuqala sisenzeka kuba sikhumbuza eso sibi senzeke kumfundi waseFort Hare uNosicelo Mtebeni (23).

Esi sithathu sishiyeke ngaphakathi eziseleni nalapho kulindeleke ukuba baphinde bavele kwakhona ngomhla we18 kwi nyanga ezayo uAgasti, nalapho bazakufaka isicelo sebheyile.

UGantana noMpunga baduke ngeCawa yeveki ephelileyo kwi venkile kaGantana bazokubhaqwa emva kwentsuku ngakwifama ekwilali iGcisina eNgqushwa. Babhaqwe bedutyulwe betshisiwe kwaye benqunqwe amalungu athile omzimba.

Loo amalungu abhaqiweyo athathwe asiwa kwaforenzikhi ukuqinisekisa ukuba ngawabo kusini na.