UConstable Asive Xolela Dudumayo (31) owadutyulwa wabulawa esemsebenzini. UMFANEKISO: SAPS
Amapolisa aseBityi anxunguphele ngokubhubha kukaConstable Asive Xolela Dudumayo (31) odutyulwe esaleqa umrhanelwa ngethuba eyinxalenye yamapolisa ebephendula isikhalazo emva kwemini ngeCawe kwilali yase-Enyibeni eBityi.
La malungu eCrime Prevention ebesabela kwisikhalazo ngethuba bebona isithuthi esinenkangeleko ekrokrisayo, baye bakhetha ukumisa bagqogqe, ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uBrigadiya Tembinkosi Kinana.
Ngokokutsho kukaKinana, bathe besaqala ugqogqa, ababini kwabarhanelwa baphuma emotweni babaleka, logama abanye babini bebanjwe ngamapolisa. La mapolisa baye baqhuba ugqogqo ngethuba esiva izithonga zompu ziphuma kwindawo apho uConstable Dudumayo ebeleqa umrhanelwa.
“Ekuphenduleni kwesi siganeko, amalungu eSAPS afumanise ukuba uConstable Asive Xolela Dudumayo (31) wonzakele kwaye wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango.
“Okubuhlungu kukuba eli polisa kuthiwa libhubhele ekufikeni kwakhe esibhedlele. Kusenjalo, umrhanelwa obhubhileyo ukwafunyenwe kude kufuphi nendawo eliwele kuyo eli polisa. Imipu emibini, iimbumbulu kwakunye nemoto yohlobo lweToyota Corolla ebomvu ihluthwe ngamapolisa,” utshilo uKinana.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene usigxeke kabukhali isenzo esikhohlakeleyo sokuhlaselwa kweli polisa, esithi sisenzo solwaphulo-mthetho ekufuneka sohlwaywe ngokuqatha.
“Uhlaselo kumalungu ethu alusayi kusithintela nangayiphi na indlela ekulandeleni isigunyaziso sethu somgaqo-siseko sokusebenzela nokukhusela uluntu lwethu. Abarhanelwa ababanjiweyo ke ngoko kufuneka baphendule ngezenzo zabo kwaye basikhokelele apho akhoyo umrhanelwa obalekileyi.” watsho uLieutenant General Mene.
ULieutenant General Mene uvakalise amazwi ovelwano kusapho luka-Asive Dudumayo, izihlobo, nezalamane zakhe egameni labaphathi beNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS). UConstable Dudumayo uchazwe njengelinye lawona magosa eSAPS athobelayo nathembekileyo ebezimisele ukunikela ngobomi bakhe ukuqinisekisa ukhuseleko loluntu lwakhe.
Kuqhutywa uphando lokukhangela unobangela wesiganeko sokudubula. Nangona kunjalo, ityala lokubulala, netyala lompu kunye neembumbulu ngaphandle kwelayisensi, kunye nophando onke avulwe aze abhaliswa ngabacuphi beSAPS.
Kubanjwe abarhanelwa ababini abangamadoda, logama omnye wabarhanelwa ophakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ukuya kumashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala akaziwa ukuba uphi. Bavele kwinkundla kamantyi yaseBityi ngoLwesibini emva kokubekwa ityala.
UMkomishinala wePhondo ufungile ukuba uza kumfumana umrhanelwa oseleyo.