Iindaba

Kubhubhe amadoda amane kwingozi izolo!

Abongile Ginya|Published

IAvanza esube imiphefumlo emine yamadoda kubusuku bayizolo phakathi kweDutywa kwakunye neEngcobo. UMFANEKISO: DoT

IAvanza esube imiphefumlo emine yamadoda kubusuku bayizolo phakathi kweDutywa kwakunye neEngcobo. UMFANEKISO: DoT

Kubhubhe amadoda amane kwingozi eyenzeke phakathi kweDutywa kwakunye neNgcobo kubusuku bangeCawa emva kwentsimbi yeshumi.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uUnathi Binqose, ingozi yenzeke kwimoto eluhlobo lweAvanza kuR408 xa umqhubi ebedlula igophe iNkobongo kwilali iXonya bejonge Engcobo.

UBinqose uthi la madoda abhubhe kwangoko kwaye amapolisa aseNgcobo avule ityala.

UMphathiswa weSebe, uXolile Nqatha, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezizibhaqe zehlelwe lilifu elimnyama kule ngozi. UNqatha ukwalumkisa abaqhubi ekubeni bahlale bethe qwa ngalo lonke ixesha ezindleleni ukunqanda iziganeko ezingekehli kwaye bathobele nemithetho yezendlela.