Umama ubhubhe ezama ukunqandela unyana ebethwa ngabahlali
Iqela labarhanelwa abalishumi bavalelwe kwisikhululo samapolisa eSajonisi emva kwesiganeko esinxulumene nokubethwa ngabahlali esishiye abantu ababini beswelekile kwindawo yaseMbabalane ngoLwesihlanu, umhla wesixhenxe kuTshazimpuzi, ngentsimbi yeshumi ebusuku.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uBrigadier Tembinkosi Kinana, esi sehlo siqalwe ngunyana obhubhileyo oneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ubudala, ekutyholwa ukuba uhlabe omnye wabathengi kwithaveni yasekuhlaleni apho bebezonwabisa khona.
Udize ukuba umama kamfi onamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala, nobezama ukungenelela ngethuba ebethwa unyana wakhe, udutyulwe wabhubha kwindawo yexhwayelo.
Athe akufika amapolisa kwindawo yexhwayelo, akwazi ukubamba abarhanelwa abamalunga neshumi. Amatyala okubulala afakiwe emapoliseni ukuze kuqhutyekwe nophando.
“Isehlo sokubethwa ngabahlali sesi sibini emva kokutshiswa kwabafana ababini eBityi kwiveki ephelileyo ngamalungu oluntu kubanjwe abarhanelwa abane baze bavela kwinkundla kamantyi yaseBityi ngoLwesine umhla wesithandathu kuTshazimpuzi. Ityala labo libuyiselwa enkundleni ngomhla weshumi elinesibini kuTshazimpuzi,” utshilo uKinana.
“Kumaxesha amaninzi siye salumkisa abantu ukuba bahlukane nokuzithathela umthetho ezandleni, kodwa abanye abantu bakhethe ukungalihoyi ikhwelo lethu. Ngoko ke besingenandlela yimbi ngaphandle kokubamba abo bamisela umzekelo ombi eluntwini.
“Kukho umthetho ofanele ukuhlonitshwa kwiphondo lethu, kwaye ngesi sizathu abo bawujongela phantsi baya kujongana neziphumo,” utshilo uLieutenant General Mene.
NgoLwesibini wale veki, abarhanelwa abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ukuya kumashumi amane anesibhozo (48) ubudala, bavele kwinkundla kamantyi yaseSajonisi ngezityholo zokubulala.