Iindaba

Intombi ilwela umama kutata

Tauriq Hassen|Published

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lisiphikise ngempumelelo isicelo sebheyile sendoda engusomashishini ohloniphekileyo uSiphiwo Mngxali (51) ojongene nezityholo zokuzama ukubulala, ukuba, kwanokophula umqathango wesithintelo senkundla ngakwinkosikazi yakhe uYolisa Siphambo-Mngxali ongugqirha kwidolophu yaseMthatha. UMngxali ungaphakathi eziseleni elindele ukuvela kwakhona enkundleni kwinyanga ezayo njengoko kusaqhutyekekwa nophando.

Inkundla idize ukuba unkosikazi kaMngxali kwakunye nabantwana bakhe abakhuselekanga njengoko nenkosikazi ihleli kwindawo efihlakeleyo neyoyikisela ubomi bayo kulo myeni wayo.

Ngokwengxelo yeNPA, olu sapho sele kulithuba luneengxaki emtshatweni walo de inkosikazi yaya kufaka isithintelo senkundla ngakumyeni wayo. Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi de aze abe uyabanjwa uMngxali, ngomhla wama26 kuMdumba walo nyaka, uMngxali wangena ngenkani kwikhaya labo eliseFort Gale eMthatha nanjengoko enesithintelo senkundla nowafika ehamba nabantu wathatha isikhenkcezisi nomabonakude kwaye kwabakho nodubulo olwenzekayo.

UMngxali wabanjwa ngomhla wesibhozo(8) kweyoKwindla, wavela kwangolo suku enkundleni ze wanikwa iintsuku ezisixhenxe zokufaka isicelo sebheyile.

UOlwethu Yolande Mngxali (31) noyintombi yesi sibini, wabhala ileta esidlangalaleni kumakhasi onxibelelwano ibalisa ngentlungu yokungcungcuthekiswa kwabo nomama wabo ngutata wabo. Isihloko sale leta sibhalwe ngesiNgesi sithi “My Father is an Abuser! We need help! Kule leta ukwabongoze ukuncediswa belusapho ekubeni angayifumani ibheyile utata wabo koko ingalo yomthetho mayidlale indima yayo.

I-ANC Womens League isamkele isigqibo senkundla sokungamniki ibheyile uMngxali, nethi ifuna abe ngaphakathi de abe unikwa isigwebo.

Ongumnxulumanisi kwiANCWL eMpuma Koloni uSiphokazi Mani-Lusithi, nokwanguMphathiswa, uthi okwenziwe yile nkosikazi yokuza ngaphambili bayiqhwabela izandla. UMani-Lusithi uthi oku kwakuthi kukhuthaze namanye amakhosikazi asesekoneni asoyika ukuvela ngaphambili.

“SiyiWomen's League siyazibophelela ukulwa nezenzo zokuxhatshazwa kwamakhosikazi. Sihlaba ikhwelo kumaxhoba ekubeni eze ngaphambili kwaye sixhasane ekulweleni amakhosikazi,’’ utshilo uMani-Lusithi