Iindaba

Intsumantsumane yamaphara eGcuwa

Tauriq Hassen|Published

Ingxaki yolwaphulomthetho eGcuwa ibonakala ngathi ayide ibenaso isisombululo kwabo basemagunyeni kuba luqhankqalazo lwesithathu olu beluqhuba ngoMvulo kule veki, kula dolophu, nalapho iintshukumo bezime ngxi, iivenkile zivaliwe, iikliniki kwakunye nezikolo, kwaye kuvingcwe nohola wendlela uN2 ekubeni zingadluli izithuthi.

Kwinyanga yoMqungu ilokishi yaseMsobomvu yabamba udlwabevu lomthandazo ngelokugxotha olu lwaphulomthetho lugqubayo. Kwinyanga ephelileyo abahlali baphindile bathatha into engangeentsuku ezintathu beqhankqalaza kuba besilwela ukuba kukhululwe amalungu eMsombomvu Community Forum awabanjwayo ngamapolisa kuba athi athathela umthetho ezandleni ngokuthi abethe amaphara.

Nakule veki, abahlali kusekunye abakukhalazelayo, bathi ngamapolisa asoloko echukela la malungu eForum, nabakholelwa kwelokuba asebenzisana nezi zaphulimthetho zaseMsobomvu ngokohlobo awenza ngalo.

Ilungu leForum, uThandekile Zembe, uthi xa bethe babamba izaphulimthetho bebiza amapolisa ekubeni zisiwe eziseleni awezi.

“Amapolisa asoloko esithi kunqongophele iivantyi, baza kuza xa ithe yakhona ekhoyo, angaze eze kuse phandle,” utshilo uZembe.

Uthi amapolisa anomkhethe ngokohlobo alwa ngalo ulwaphulomthetho eMsobomvu, etyhola abahlali ngokuthathela umthetho ezandleni, nekwaye kwabanjwa iqela lamalungu eForum avalelwa, naye wangomnye owabanjwayo.

“Ngethuba kuqala ukubethwa amaphara ndandingekho kweso siganeko kodwa ndakwazi ukuba ndibanjwe ngamapolisa. Sele ndibanjwe kahlanu ndibanjelwa izinto ezohlukeneyo nezingacaciyo, enye yazo kuba ndabangqala abo bathengisa iziyobisi ekuhlaleni nekubonakala ukuba banobudlelwane namapolisa. Ikwangaba bathengisa iziyobisi abaxelela amapolisa ukuba kuneForum epatrolayo ebusuku ngokungekho semthethweni,” utshilo uZembe.

Omnye wabahlali ongafunanga ukuchazwa ngagama nongakhange athabathe nxaxheba kolu qhankqalazo, uthi impilo yomntu xa ebhubhile ayikwazi ukubuyela, ayifani nomntwana ophoswe sisikolo, uyakwazi ukuphinda acaciselwe.

“Ndikutsho oku kuba baninzi abantu ebekufanele ukuba bathathe amayeza abo ekliniki izolo, kodwa abakwazanga kuvaliwe ngenxa yoqhankqalazo. Isiphazamisile yona kodwa andithi makungakhalwa xa kukho izaphulimthetho,” utshilo umhlali waseGcuwa.

UBrigadier Thembinkosi Kinana uziphikile ezi zityholo zityatyekwa amapolisa aseMsobomvu.

“Asinayo intsebenziswano okanye ubudlelwane nezaphulimthetho kuquka nabo ke baziwayo bathengisa iziyobisi, ukuba ukhona onobungqina, siyacebisa eze nabo ngaphambili ukuze sikwazi ukuthatha amanyathelo. Kwaye asinakuze sisebenze nabantu abathi bathathele kubo umthetho. Ukuba abahlali bafuna ukusungula iForum mabayisungule ngokusemthethweni, balandele imiqathango,” utshilo uKinana.