Iindaba

Bashiyeke belungisa iindlela emva kwezikhukhula

Cwayita Nondula|Published

Abahlali baseZwartwater kuKomani babumbene balungisa umonakalo oshiywe zizikhukula. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Abahlali baseZwartwater kuKomani babumbene balungisa umonakalo oshiywe zizikhukula. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Abahlali baseZwartwater kuKomani babumbene balungisa umonakalo oshiywe zizikhukula. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Izikhukula zaseKomani zishiye uluntu lunxunguphele, kwaye zikwashiye abanye abahlali bengenamakhaya kunye neziseko ezingundoqo zitshatyalalisiwe.

IZwartwater yenye yeendawo ezichaphazelekayo; ilali ime ngxi kuba zidilikile iindlela, nto leyo eyenza kubenzima ukuhamba. Iikliniki nezikhululo zamapolisa azifikeleleki kuluntu ngelixa izikolo zivalwe okwethutyana.

Ekubeni isikhalo sabo sokucela uncedo singaphendulwanga, oku kwabangela ukuba abahlali bathathele izinto ezandleni zabo. Abahlali bakha indlela ngamatye ukuze bakwazi ukuya kwelinye icala lelali, kwanokulungisa iindlela ezonakeleyo kwezinye iindawo zale lali.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lityelele le lali, abantu basekuhlaleni abaphuma kwiilali ezikufutshane bebesebenza nzima bebeka amatye, besakha le ndlela.

UMzukisi Sigqolana, usibonda wale ndawo, uthethe ngeenzame zabo. “Siyakha le ndlela ukuze abantu bahambe. Abantwana abakwazi ukuya esikolweni, kwaye abantu abakwazi ukufikelela ezikliniki.

“Emva kokucela uncedo ixesha elide singaboni nto, senza isigqibo sokuzenzela izinto ngokwethu. Besicele umzi ngamnye ukuba akhuphe iR50 ukuze siqeshe iloli eza kuqokelela la matye sikwazi nokutyisa abantu abasebenza apha,” ucacise watsho uSigqolana.

Uqhube wathi, “Esinokufuna ukubanako ngoomatshini bokulungisa umhlaba. Siye sacela abaSebenzi boLuntu ukuba basibonelele ngezixhobo zokusebenza, kodwa ayikenzeki lo nto. Ngenxa yoko, sithi masibe siyenza okwalo mzuzu njengokuba singekancedwa kuba ekugqibeleni sithi abantu abasokolayo ukuhamba.”

Ngeli xa abafazi bebephethe yaye belahla amatye amancinci ngemihlakulo, amadoda ebehamba neloli eqeshiweyo ukuya kuchola amatye amakhulu.

Omnye wamanina ebesebenza apho uNoma-Afrika Fatyela uthe abantwana bakhe bafunda eKomani. Emva kokuba idilikile indlela uyabakhapha abantwana bakhe yonke imihla ukuze abancede bawele. Uthi bonke banxiba amaquza kwaye uyabalinda xa ilixesha lokuphuma kwesikolo ukuze abawelise kwakhona.

“Kunzima kuba iikliniki zingaphaya kwendlela, abantu abakwazi ukufikelela kuzo, lixesha lokugonywa kwabantwana. Abantwana abanakufumana ugonyo, kwaye nezikhululo zethu zamapolisa azifikeleleki, nto leyo eyenza ukuba abantu bangakwazi ukuyokumangalela izenzo zolwaphulomthetho. Nee-ambulensi azikwazi ukungena. Yonke into iyasilela kwaye akukho nto yenzekayo,” utshilo uFatyela.

Ukusukela oko bethe bachaphazeleka zizikhukula ekuqaleni kwenyanga, uNozihle Ndamane-Qamata oyinqununu yesikolo samabanga aphantsi iQumbu akakwazi ukuya emsebenzini. NgokukaNdamane-Qamata, abanye babafundi kwesi sikolo basuka kwezinye iilali xa besiya esikolweni besebenzisa ezi ndlela zidilikeyo. Esi sikolo sinqunyanyisiwe okwexeshana kuba phantse isiqingatha sabafundi nabasebenzi abakwazi ukuya.

“Sihlala kwiilali ezahlukeneyo, hayi kwilali esikuyo isikolo, kungoko kunzima ukuba sifike esikolweni ngenxa yezi zikhukula. Siyaqhuba ukuya esikolweni. Indlela iwile, ngoko asikwazi ukuya emsebenzini,” utshilo uNdamane-Qamata.

UNdamane-Qamata uncome iinzame zabahlali zokulungisa iindlela, nangona ebalule ukuba iindlela azihambelani nezithuthi, nto leyo yenza kube lula kubantu abahamba ngeenyawo.

“Ndinqwenela ukuba kubekho indlela esemgangathweni ukuze sibuyele emsebenzini, abantwana bakwazi ukuya esikolweni, wonke umntu akwazi ukufikelela esikolweni. Sichithe ixesha elininzi lokufunda kuba singakwazi ukuya esikolweni,” utshilo uNdamane-Qamata.

ISebe lezeMfundo neleMisebenzi yoLuntu ephondweni liceliwe ukuba livakalise izimvo zalo ngalo mba, kodwa khange likwazi ukuphendula kwangethuba phambi kokuba lipapashwe eli nqaku.

Le ndlela iye yadilika emva kwezikhukhula ezishiye abahlali baseZwartwater bengakwazi ukuwela ukuze bafumane iinkonzo ezingundoqo. Kwale ndlela inye isetyenziswa ziimoto eziya edolophini okanye kwiindawo ezikufutshane. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE