Kungquzulwano obe luphakathi kwamapolisa kwakunye nabarhanelwa abane olwenzeke kwivenkile ekumbindi wedolophu yakuQumbu, lushiye bebhubhile abathathu abarhanelwa ze omnye wabanjwa ngamapolisa kwindawo leyo yongquzulwano, ipolisa lonzakala ngokumandla emlenzeni.
Ababanjiweyo abarhanelwa baphakathi kwamashumi amathathu anesibini (32) ukuya kwiminyaka engamashumi amane (40) ubudala. Lo ubanjiweyo unamashumi amane anesibhozo ubudala ezelwe.
Ingxelo ephuma kuCol Priscilla Naidu, ithi esi sine sabarhanelwa sifike emva kwentsimbi yesithoba kusasa kwenye yeevenkile eseMain Street kuQumbu, apho bafike babetha umnikazivenkile ngehamile babe bekhombe abathengi kwakunye nabasebenzi ngemipu logama bethatha imali kwiimatshini zemali.
Amapolisa akhawulelwe ziimbumbulu zabarhanelwa ngethuba engena kule venkile eyokusabela, nawo abuyisa ngezawo.
Iibhaki ezimbini ekurhaneleka ukuba zezabarhanelwa kwakunye nemipu emithathu, zithathiwe ngamapolisa.
Amapolisa ayaphanda malunga namatyala la. Umrhanelwa omnye (48) useziseleni kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni yamatyala kuQumbu.
“Asinakuhlala nezaphulimthetho kwaye sibe nalo nosizi kwizaphulimthetho. Futhi singenakuthandabuza ukuzikhusela,” oku kudizwe nguMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene.