Iindaba

Lisesuphini ibanjwa elinefowuni

SIM FREDDIE|Published

IBHANTINTI elinemifanekiso yalo ebijikeleza kumakhasi onxibelelwano, nebekucaca ukuba linomtsalane kumanenekazi, libekwe ityala.

Kuvakala ukuba eli bhantinti liseluvalelweni kwintolongo iSt Albans eseGqeberha.

OnguMlomo kwiSebe leeNkonzo zoLuleko, uSingabakho Nxumalo, uthi imfonomfono ephathwayo yeli banjwa iye yohluthwa.

“ISebe leeNkonzo zoLuleko loxuthe ifowuni ephathwayo ebisetyenziswa libanjwa ukuze lifake imifanekiso yalo kumakhasi onxibelelwano.

“Eli banjwa liseluvalelweni kwiZiko loLuleko iSt Albans eMpuma Koloni kwaye lifuduselwe kwiCandelo eliKhethekileyo ukuze kuqhutywe nophando,” kutsho uNxumalo.

Uthe akukho mthethweni ukungena kweemfonomfono kumaziko oluleko. Eli banjwa liza kujongana nelinye ityala.

Lisesuphini ibanjwa elinefowuni