UNosifiso Fifi Mdutshane, 28, welali yaseXhophozo eFlagstaff nongunobuhle uthi ukhule ezazi ukuba ikhona le nto angekayenzi ebomini bakhe ekusafuneka eyenzile kanti kukuba ngunobuhle. Uthi uqale ngoku sele emdala ngo2018 ukufika kwakhe eThekwini eyokufunda eUNISA apho athi wafika wabona amathuba amaninzi abemnqabele ngethuba ekhula esekowabo eMpuma Koloni. Uthi la mathuba wawabambela ekubeni angabi saphoncuka kuye kuba iyinto ekwakukudala eyinqwenela ebomini efuna ukuzazi kwanokuzivavanya.
UMdutshane ukuluhlu lwabo baza kube bekhethwa bokugqibela kuMiss Durban 2021 eGreyville Convention Centre edolophini eThekwini ngomhla wama25 kweyoMsintsi.
Lo nobuhle usakhasayo uthi amanina eli ngoku aphila kwixesha elinzima lokuxhatshazwa ngandlela zonke ezohlukeneyo, kodwa elikwalula xa ujonge ngolunye uhlobo kuba amathuba maninzi kumakhosikazi awasavalelekanga njengakudala.
Uqale ukungenela kunyaka ophelileyo emva kokumane ezama ngo2018 apho ebengenele ukhuphiswano lokubonisa ngempahla olubizwa ngokuba yiRunaway Fashion Walk, waze waphumelela kwiTop 5 eyayizokuya eMthatha kodwa ngenxa yesifo esingubhubhane esaziwa ngokuba yiCovid-19, zange bakwazi ukuqhubekeka. Kulo unyaka uye wafumana ithuba lokungenela uMiss Durban 2021.
"Ndizame kakhulu, olu khuphiswano lukaMiss Durban lolwesibini kum kwaye sele kukuninzi endikufundileyo. Asifundiswa kucoceka kuphela sifundiswa nokuba ukuba ngunobuhle ayiyonto ingesiqu sakho, ingokunceda ekuhlaleni ukukhathalela abantu, ukubaneliso lokubona nelokuncedisa kwabo bangenalo ulwazi kwizinto ezithile. Okunye esikufundiswayo luhlobo omawuziphathe ngalo phakathi kwabantu. Ukucondoba eqongeni iba yeyokugqibela kube sele kwenziwe umsebenzi omninzi ngethuba loqeqesho," utshilo uMditshwa.
Uqhuba uthi xa uthatha isigqibo sokuba ngunobuhle kufuneka uyazi ukuba uza kuzibophelela kwaye uza kuzinikela ube nalo nothando.
UMditshwa uthi kule nyanga yamanina into angathi ayishiye kukuba lowo nalowo makazifune ukuba esakhe isiphiwo yintoni na.
"Amakhosikazi asematsha njengam mawazifune ngokuthi akhangele italente uThixo athe wawadala nayo. Kuba ndiyakholelwa wonke umntu uzelwe enento anayo ekufuneka eyigqamise ngokwakhe. Nemfundo ke nayo ibalulekile kuthi thina bantu batsha ungapheleli kwisakhono kuphela," uvale ngelo uMditshwa.