Iindaba

‘Kuyasetyenzwa ngabantu abatsha eMpuma Koloni’

Sithandiwe Velaphi|Published

Buhle Tonise

IINGXAKI nemiqobo ikhona, kodwa abantu abatsha eMpuma Koloni basebenza nzima kakhulu ukuziphuhlisa ngokoshishino nangokwemekontlalo.

Oku kuthethwe nguBuhle Tonise, igqwetha kwanomseki wamawonga olutsha lwaseMpuma Koloni (Eastern Cape Youth Awards). La mawonga ebebanjelwe e-ICC eMonti ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

Buhle Tonise

Eli ibilityeli lokuqala ebanjwa la mawonga. Ngokwezicwangciso zeqela likaTonise, la mawonga bekufanele ukuba abanjwe kunyaka ophelileyo, kodwa aphazanyiswa kukuvalwa ngci kweentshukumo elizweni.

Phakathi kweendwalutho ebezizimasile nguMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubekho ephondweni, uFezeka Nkomonye, kwakunye noSekela Somlomo kwiPalamente yephondo, uMlibo Qoboshiyane. Imvumi uBetusile Mcinga no-Ikhona zezinye zeemvumi ezithe zonwabisa kulo msitho.

UTonise uthi nakulo nyaka bekungekho lula ukuququzelela ngenxa yokutshintshatshintsha kwemitho yemiqathango yeCovid-19.

Alishumi elinesine amabakala ekuthe kwakhutshiswana ngawo ngabachongwa. Kwibakala ngalinye bekukho abachongwa abathathu abakhethwe kuluhlu lwamangenelo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokubanjwa komsitho, uTonise uthe: “Ndikwelo xesha lokuba ndingazazi nokuba mandilile xa ndicinga ngamaxesha anzima esiwafumeneyo ngethuba siququzelela la mawonga. Kodwa noxa kunjalo, ndiyavuya kuba umsebenzi wenziwe ngempumelelo.

“Enye into eyenze nzima yimiqathango yeCovid-19, apho besingazi nokuba zizenze ngobuxhakaxhaka (virtual) kuphela, kusini na. Kodwa abantu abatsha baseMpuma Koloni bathe baxolele ukuza bodwa beshiya iintsapho zabo ngenxa yale miqathango. Lo nto indikhuthazile kakhulu.”

Nkosinathi Makamela

UTonise uthi noxa nje kufuneka befunqule umxakatho xa bephinda bewabamba la mawonga kwixa elizayo, kodwa uthe: “Ndinehlombe, yindlela aqhube ngayo la mawonga. Bekukho ukushokoxeka kwemali yokwenza la mawonga, kuquka nemiqathango yeCovid-19, kodwa ndiyavuya kakhulu ngumsebenzi othe wenziwa. Andikhange ndililindele eli izinga sikwazileyo ukulenza, phantsi kwemingeni ebesinayo.”

“Siyabulela nakwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa kuba xa usiya kuGoogle uyalibona ibali elibhalwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa malunga neEastern Cape Youth Awards. Siyabulela kakhulu lo nto.”

Naledi Ndamase

Kuyasetyenzwa eMpuma Koloni, ngabantu abatsha, utshilo uTonise. “Abantu abatsha beli phondo abakhalazeli rhulumente ngokusilela kwakhe ekubancedeni. Batsho kodwa ukuba bafumana intsokolo, kodwa ngaxeshanye bathi abazukunikezela. Mna ndiyibona njengento eyinkuthazo kakhulu leyo ingakumbi xa sizazi iingxaki zethu apha eMpuma Koloni.”

Yolanda Mbolompo

Umntu omtsha xa esenza iinzame zokuphumelela kufuneka eqatshelwe futhi egwengulelwe amathuba, kutsho uTonise.

Lutho Klaas

“EMpuma Koloni abantu abatsha banengxaki enye yokungafumaneki kuGoogle kuba akukho mathuba okubangela ukuba ubani apapashwe ngomsebenzi wakhe kuGoogle. Ukusukela kunyaka ophelileyo, izinto ezininzi zenziwa kumnatha wonxibelelwano (online). Umntu ofuna inkonzo ethile, ungena online ukuze afumane igama lalo mntu (okanye inkampani) yokumnikeza lo nkonzo.

“Kodwa ingaba bangaphi abantu abatsha baseMpuma Koloni onokubafumana kuGoogle? Kodwa namhlanje ndingatsho ukuba kwiintsuku ezintathu phambi komhla wala mawonga ndingene online ndakhangela abo bachongelwe la mawonga, kwaye ndiyavuya ukuvakalisa ukuba ndibafumene kuGoogle bedweliswe njengabachongwa (nominees),” utshilo uTonise.

Abaphumeleleyo kumawonga ngaba:

1. Kwezemfundo: Avuyile Xabadiya (29)

2. EzobuGcisa neNkcubeko: Naledi Ndamase (30)

3. Ezempilo: Gqr. Angela Hartwig

4. Inzululwazi nobuChwepheshe: Luvo Grey (28)

5. Abemibutho yasekuhlaleni (civil society): Athenkosi Fani (24)

6. Usomashishini wasekuhlaleni (Social Entrepreneur): Siyakholwa Zazini (24)

7. Ubulungisa nezomthetho: Lutho Klaas

8. Ulawulo lwemisitho (event management): Nkokheli Twabu (31)

9. Ezemidlalo: Akhona Makalima (33)

10. Ezosasazo/Ezobuntatheli: Ntombozuko Balintulo (24)

11. Ezopolitiko noRhulumento: Melikhaya Mcitwa (31)

12. Ezolimo: Nkosinathi Makamela (21)

13. Ezoyolo: Master Dee Zilimbola

14. Usomashishini (Entrepreneur): Yolanda Mbolompo (29)