UMlungisi Gegana nomculo wejezi

Ingcungcu yengoma kumculo wejezi uMlungisi Gegana. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Sele kuyiminyaka engaphezu kwekhulu ilokishi yakuKomani kwaMlungisi isaziwa ngokuvelisa iingcanguba zabadlali bomculo wejezi abafana noMlungisi Gegana.

UMlungisi Gegana akavumi kuthityazwa ziinzingo ezityhafisa abaninzi kumculo wejezi ongafumani nkxaso nakuhoywa ngurhulemente. Emva kokuchitha ixesha eRhawutini uGegana ubuyele ekhaya eKomani ezokutyala ulwazi namava akhe kulutsha ngokulifundisa umculo.

“Ndiqale ukusebenza apha ngo2018, ndaza ndaphazanyiswa yiKhorona, apha siqeqesha ulutsha ukuba lukwazi ukudlala izixhobo ezahlukeneyo zomculo,” kutsho uGegana.

Ilokishi yakwaMlungisi eKomani ivelise amagxibha womculo wejezi afana noPat Matshikiza owada wabheka elubhacweni exwaye ixilongo lakhe. “Ndenza konke oku ndingafumani nencinci inkxaso kurhulumente, aba bantwana ndibaqeqesha simahla abahlawuli, kuba ndizama ukubakhela ikamva ngokubakhupha esitalatweni,” utsho uGegana.

Indawo asebenzela kuyo ixhakaxhaka zizixhobo zomculo ubungqina bokuba ngenene kwenziwa uqeqesho ngeenjongo zokukhupha ingcungela. “Eyona ngxaki kukuba abantwana abakhoyo bayonqena, baleqa ukudlala ixilongo bengavumi ukuba ndibafundise ubucukubhede bexilongo kuqala. Amaqela entambula afana neCity Slikers azalwa kwilokishi yakwaMlungisi, kwaye lelokishi ikwadlale indima enkulu ukugcina umculo wejezi unesidima.

Ingcungcu yengoma kumculo wejezi uMlungisi Gegana. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Ndizalelwe kooR, ndiqale ukudlala nokulandela umculo ngo1971 xa kwakufika olunye usapho lungena kwindlu esecaleni kwasekhaya,” utsho uGegana. Idolophu yaseKomani ngoku kodwa ilokishi yakwa Mlungisi yenze igalelo elimandla ekukhuliseni umculo wejezi eMzantsi Afrika. “Xa sele ikufumene lanto ke, la nkenkqe akukho nto onokuyenza, ndikhule ndingumntwana othanda umculo ophambili, ooDonna Summer neeBee Gees nabanye,” kutsho uGegana.

Usapho lakwaMoreane elaziwa kakhulu ngomculo wekwayala nokuvelisa abaqambi balo mculo, linengcambu ezikule lokishi yakwa Mlungisi. “Ndandithanda ukudlala amagubu, kodwa xa ngenxa yemeko yeloxesha kwakungelula ukufumana ezi zixhobo zomculo,” uqhayisa atsho uGegana.

Emva kokuqaphela ukukhula kothando lakhe lejezi wabhekisa imibombo eKapa. “Umzala wam waye wandazisa kumagqala aphambili nawayesaziwa kumculo wejezi ngelo xesha ooWinsor Ntabeni, ooGofrey Ntsila nabanye,” utsho uGegana.

Eli geza lengoma lidlale namaqela amaninzi omculo wejezi kweli loMzantsi Afrika nakwihlabathi, uthi oku kwamnceda. Ukwancome ifuthe lamaziko osasazo awayephila ngelo xesha ukudlala indima enkulu kuye. “Ekhayeni kwakungekho nto ingako, oomakhulu babezithandela nje iCawe, kodwa ndakwazi ukuphumelela kunjalo,” utsho uGegana

UGegana ukwangumsasazi womculu wejezi kwisikhululo sasekuhlaleni iVukani. “Sicela kurhulumente asincedise ngezona zinto sizidinga kakhulu, asinazidesika, iikhompyutha nezinye izixhobo zokusebenza,” utsho uGegana.

Ukwathathe ithuba egxeka indlela ekuqhutywa ngayo iKomani Jazz Festival. “Ndabuza umbuzo wokuba kutheni kuzakubizwa amaqela amanye ukuba adlale, logama amanye amaqela engafumani thuba.”