INDLELA awonwabela ngayo umsebenzi wakhe wokusasaza, kwenza ukuba ngamanye amaxesha uMandisi Qorana odume njengoMara kubaphulaphuli beNgqushwa FM alibale nokuba umsebenzini.
UDJ Mara uthi ukusasazela idolophu azalelwe kuyo iNgqushwa kumvisa kamnandi kuba usasazela abantu bokuhlala abaziyo.
“Sixoxa, sixazulula imiba ekwachaphazela abahlali kuquka nam lo [njengomhlali walapha], sisebenzisa eli qonga lingunomathotholo,” kutsho le nzalelwane yelali yaseDabhan eNgqushwa, incokolela I’solezwe lesiXhosa.
UDJ Mara wenza inkqubo ebizwa Vuka Nathi Breakfast kwiNgqushwa FM, kwaye sele eneminyaka emithandathu ebhexesha le nkqubo. Uthi akonwabela kakhulu ngokwenza inkqubo yebhrakfesi kukuba iingqondo zabaphulaphuli azikaphazanyiswa nto ekuseni.
“Yinkqubo eqala usuku, ndithanda into yokuba abaphulaphuli bayimamela iingqondo zabo zisefresh kuba besavuka. Lo nto ke iwenza lula umsebenzi wam kuba ndiza nolwazi, ndonwabise kwaye ndifundise. Izinto ezenzekayo elizweni baziva kuqala apha kule nkqubo ndiyenzayo,” kutsho uDJ Mara.
Uthi nangona eza kufinca ama43 eminyaka kulo nyaka ezelwe, akakalincami iphupha lokusasaza kwisikhululo esifana noMhlobo Wenene.
“Maxa wambi ukukhulela kwiindawo ezisemaphandleni kuye kubenabo ubunzima kwizinto ezininzi, nanjengoko kungekho zixhobo zaneleyo ekuphuhliseni izakhono zabantu abatsha. Lo nto ke indibangele ndiluqale usasazo seyihambile iminyaka.
“Amaphupha endinawo kukuzibona ndisenyukela kwinqanaba elingentla kwezosasazo, ndiphuma kwisikhululo sasekuhlaleni, ndisasaza kwisikhululo esikhulu njengoMhlobo Wenene FM. Kodwa ke yonke into inexesha layo,” ubuye atsho uMara.
UDJ Mara uthi ukhule nabahlobo bakhe, uMlamleli Mkita noLuzuko Jaji, ekhula eyinkwenkwana enxanelwe ukwazi nokungafuni kuphoswa. Ukhule emamela abasasazi abanjengoPutco Mafani, Wilson B. Nkosi noVuyani Makhaza.
“Ndaba nengqondo ephangaleleyo ndisengumntwana. Ngela xesha ke netheknoloji yayinqabile kuba sasingenawo nombane ezilalini, lo nto indibangele ndiwuthande kakhulu unomathotholo nanjengoko yayingowona mthombo wolwazi uthembakeleyo,” kubalisa lo msasazi.
Uthi ukwenza inkqubo yakusasa kuza noxinzelelo kuba umanyelwe ngabantu abaninzi, bambi balungiselela ukuphangela, abanye besiya esikolweni.
“Lo nto ikwenzela uxinzelelo kuba ungowona mthombo wabo wolwazi bawuthembileyo, imozulu, ingxelo yasezindleleni nokwenzekayo ekuhlaleni nakuMzantsi Afrika uphela. Yonke ke lo nto kufuneka beyive ngawe.
“Lithi litshona ilanga ube sowugqibile ukulungiselela inkqubo yakho elandelayo, kwaye uqiniseke ukuba imithombo yakho ithembakele, ungathethi into ongaqinisekanga ngayo kunomathotholo.Yonke ke lo nto ibagcina abaphulaphuli bethe nca kwinkqubo yakho,” kutsho uDJ Mara.
UMara uchitha ixesha lakhe ekwiThala leeNcwadi kwaye ekwazibandakanya nakwimisebenzi yesisa esebenzisana neMibutho eNgenanto yaKwenza noRhulumente eNgqushwa.
Mphulaphule esitsho kamnandi rhoqo ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu phakathi ko6 no9 kwiNgqushwa FM.
Prevent sewer issues during festive