UBeasty uphumelele iRed Bull Dance Your Style SA

UMason ‘Beasty’ Booysen encumile emva kokuphumelela intshinga kazwelonke yeRed Bull Dance Your Style, eBoardwalk Mall eGqeberha, ngoMgqibelo we7 kweyoMsintsi. Umfanekiso: Tyrone Bradley / Red Bull Content Pool

UMason ‘Beasty’ Booysen, 17, waseGqeberha uphumelele iRed Bull Dance Your Style South Africa 2024 kwaye uzakumela ilizwe loMzantsi Afrika kumjikelo wokugqibela wehlabathi eMumbai, eIndiya, kweyeNkanga kulo nyaka.

Ukhulele eKleinskool, eGqeberha, uhambo olumangalisayo lukaBooysen ukusuka kwindawo enolwaphulo-mthetho ukuya ekubeni yintshatsheli kazwelonke yomdaniso yinto elukhuthazo kulutsha loMzantsi Afrika.

Ukuphumelela kukaBeasty phambi kwenginginya yaseGqeberha – idolophu asuka kuyo – iphawule isiganeko esibalulekileyo eGqeberha, ebibambe umjikelo wamagqibela kankqoyi kazwelonke wolu khuphiswano lomdaniso okokuqala.

UMason ‘Beasty’ Booysen esendleleni yokuphumelela intshinga yeRed Bull Dance Your Style, eBoardwalk Mall eGqeberha, ngempelaveki. Umfanekiso: Mpumelelo Macu / Red Bull Content Pool

Lo mdanisi, owaziwa ngokudibanisa izitayile zokudanisa zeAmapiano kunye nehip-hop, ngoku uzakuzilungiselela ukukhuphisana nabadanisi ababalaseleyo behlabathi.

Uhambo lukaBeasty ukuya phezulu aluzange lube lula. Ukhulele eKleinskool, ingingqi ezele lulwaphulo-mthetho eyaziwa ngemingeni yayo, uBooysen usebenzise umdaniso njengesixhobo sokuzibonakalisa kunye nendlela yokumelana nobunzima.

Abantu ababukeleyo bevakalisa umdanisi abamkhethayo kumjikelo wokugqibela kazwelonke weRed Bull Dance Your Style eBoardwalk Mall eGqeberha, ngoMgqibelo we7 kweyoMsintsi. Umfanekiso: Tyrone Bradley / Red Bull Content Pool

“Ndaqala ukudanisa xa ndandineminyaka emithathu ubudala,” utsho lo kaBooysen. Uhlabela mgama esithi, “Kwakukho iqela elikhulu elaliziqeqesha kwigaraji kamama. Ukubukela eli qela kwandenza ndathi, ‘Nam ndifuna ukwenza oku.’ Kulapho yaqala khona yonke loo nto kum.”

Indlela eya empumelelweni iqale kwinqanaba lokuhluzela ingingqi yaseGqeberha, apho ukudanisa kukaBooysen kothuse abo bebekhuphisana nababukeli. Kumjikelo wokugqibela, umxube wakhe wezitayile zeAmapiano kunye nehip-hop uye wagqama kumadabi omdaniso awayetaka iintlantsi, nto leyo eyamenza wafumana iivoti zabantu ababebukele.

“Kuvakala kungakholeleki. Ndiyazingca ngam ngokwenza wonke umntu abe nelunda,” utshilo uBooysen, kwimizuzwana nje emva kokuphumelela kwakhe kumjikelo wokugqibela ebequbisana nomnye umdanisi ophume izandla, uCwenga.

UBeasty equbisana noCwenga Tasana waseKapa ophume kwindawo yesibini, kumdaniso wokugqibela kumjikelo wokugqibela weDance Your Style, obubanjelwe eBoardwalk Mall eGqeberha, ngempelaveki. Umfanekiso: Mpumelelo Macu / Red Bull Content Pool

“Bendothukile eqongeni, kodwa umntakwethu wandixelela ukuba ndingazibambezeli, yiyo loo nto indityhale ukuba ndinikezele ngako konke endinako,” utshilo.

Abazali bakaBooysen nabo bebekhona ukumnika inkxaso, bekhuthaza ngakumbi lo mdanisi oselula ukuba abambe indawo ephezulu.

Ngoku ephethe le ntshinga kazwelonke esandleni, amehlo kaBeasty athe ntaa kwiqonga lehlabathi. “Ndiza kuziqeqesha yonke imihla de ndiphelelwe,” utshilo uBeasty ngokuzithemba. Uqhube wathi, “Asingomdlalo lo, ndifuna ukusebenza nzima kwaye ndenze uMzantsi Afrika uzidle ngam eMumbai.”

UBeasty ephumelela iRed Bull Dance Your Style. Umfanekiso: Mpumelelo Macu / Red Bull Content Pool

Ukhuphiswano lweRed Bull Dance Your Style ludume ngendlela ekhethekileyo, apho abadanisi kufuneka badanisele iingoma zomculo ezingalindelekanga zeentlobo ezahlukeneyo ezifana nehip-hop, ifunk, kunye nepop, ngaphandle kwemidaniso elungiselelweyo (choreography) kwaye kungekho jaji – nalapho abantu ababukeleyo ingabo abagqibayo ukuba ngubani ophumeleleyo.

Ukuphumelela kukaBeasty luloyiso lwakhe kunye noluntu lwakhe. Ukukhula kwindawo enzima, uye wasebenzisa umdaniso ukunyuka phezulu, kwaye ngoku uya kuba nethuba lokubonisa italente yakhe kwiqonga lehlabathi.