iThonga, umdlalo omtsha ongobomi bamawele

UBonko Khoza ngomnye wabadlali kumdlalo omtsha othi iThonga kuMzansi Magic. Umfanekiso: FACEBOOK

UMzansi Magic uza nomdlalo kamabonakude omtsha kraca, othi iThonga, noza kutakisa iintlantsi nanjengoko ungothando nobomi bamawele.

Lo mdlalo uza kuqala ukuvezwa kumabonakude ngomhla we3 kwinyanga ezayo kweyoKwindla. iThonga liza kungena endaweni yomdlalo othi Umkhokha: The Curse, nofikelela esiphelweni kule nyanga yoMdumba.

IThonga ngumdlalo oza kusikrobisa kubomi bamawele uBanele noSanele, ahamba iindlela ezahlukeneyo ebomini, kodwa noko kunjalo amoyamnye, kwaye akukho nto inokungena phakathi kwawo.

Kaloku amawele aziwa njengomntu omnye ngenxa yokuba moyamnye kwawo, kwaye nokuba impilo yawo ingohluka kangakanani na, olwawo unxulumano lunguphakade. Nakulo mdlalo iThonga, oko kuza kuthi kuvezwe ngokucace gca.

UMlawuli wezitishi kuMzansi Magic kwicandelo lezolonwabo uShirley Adonisi, ulichaza iThonga njengotshintsho: “Eli bali ligxile kwiqhina elintsonkothileyo nelingenakushukunyiswa phakathi kwamawele, nohambo azimisele ukuluhamba ukuze akhusele ilifa lawo kwiimpembelelo zamandla angalunganga abangqongileyo.

“Ngumxube onamandla wenkcubeko, usapho kunye namandla angabonakaliyo abangela kungabikho nto inokungena phakathi kwamawele, ngenxa yokuba moyamnye kwawo!”

Ukanti baninzi abadlali abasele bezenzele igama kwimidlalo kamabonakude, nabaza kuba yinxalenye yalo mdlalo uchulumancisayo. Abanye baba badlali baquka uBonko Khoza, uAyanda Borotho, uNoluthando Ngema, uSiphosethu Mabaso kunye noNelisiwe Sibiya. Umgangatho uxhomile, nanjengoko kulindele elona nqanaba liphezulu kubalingisi balo mdlalo.

UKhoza uza kulingisa indima engumceli-mngeni yamawele. Uthi akasakwazi ukulinda isizwe sibukele lo mdlalo uthi iThonga. “Libali lokwenyani laseMzantsi Afrika elisekelezelwe kwinkcubeko entle yesiZulu, kwaye lelinye lamabali amatsha aza kugaleleka kuMzansi Magic, awufuni kuphoswa yile nto!”

Ungaphoswa ke sisiqendu sokuqala somdlalo kamabonakude othi iThonga, noqala ngoMvulo ngomhla we3 kweyoKwindla ngo20:30 kuMzansi Magic (kwiDStv channel 161).

UAyanda Borotho ngomnye wabadlali kumdlalo omtsha othi iThonga kuMzansi Magic.

UNelisiwe Sibiya ngomnye wabadlali kumdlalo omtsha othi iThonga kuMzansi Magic. Umfanekiso: Facebook