Nokubonga Phenyane
KULINDELEKE ukuba babonakale kwinkqubo kamabonakude abo bathi bashiya izinqandamathe zabo, bakhetha ukuduka nezwe kungekho nelimdaka lokucacisa.
Inkqubo entsha kamabonakude ethi Wanyamalala, iza kubonisa abo bazocela uncedo lokukhangeliswa abo babethandana nabo nabaduka nezwe.
Le nkqubo iza kuvela okokuqala kwinyanga yoMdumba, nalapho iza kubhexeshwa nguMoss Makwati.
UMoss uza kudibanisa amadoda nabasetyhini abafuna ukudityaniswa, nababethandana nabo, ukuze kuphenduleke imibuzo abanayo ngokushiywa kwabo zizinqandamathe ezo zabo, kungakhange kubekho nelimdaka okanye ingxabano phakathi kwesi sibini eyathi yakhokelela koku.
UMoss uthe owakhe umsebenzi kukuhamba neqela lakhe, besebenzisana nabaphandi abazimeleyo, nekungabo abaza kuhamba phambili ekukhangeleni lowo wadukayo eshiya isinqandamathe sakhe.
“Xa efumanekile, mna ndizodibana naye kwindawo elungele ukuba sibe nengxoxo ukuze ndifumanise banzi ngokwakhokelela ekubeni athabathe isigqibo sokuba ahambe angaziwa ukuba uphi.
“Ndizakube sele ndigqibelisa ngokubadibanisa ukuze bathethe kwaye kubekhona nemibuzo ephendulwayo. Endikubonileyo ngethuba sishicilela le nkqubo kukuba imibuzo uninzi oluyibuzayo iyafana njengokuba zube befuna ukwazi ukuba yintoni eyakhokelela ekubeni bashiywe kungakhange kubekho ngxabano nokunye okwathi kwenzeka okungekho kuhle ngethuba bethandana,” kutsho uMoss.
Le nkqubo iza kuqala ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kwinyanga ezayo eyoMdumba, ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa, kuMzansi Wethu (DStv channel 163).
EFF: ‘Asizange siluphumelele unyulo, iGNU icinezela abemi kodwa asigungqi’