Kanye xa kushiyeke imidlalo emibini kuvalwe isizini yePremier Soccer League ka2023/24, uLehlohonolo Seema wehlelwe lilishwa kwakhona. Izolo ngongcwalazi emalanga, kuthe tshitshilili iindaba ezithi uSeema unikwe ikhefu elikhethekileyo ngabaphathi beSekhukhune United.
Akukho sizathu esixeliweyo esibangele ashenxiswe umqeqeshi esikhundleni sakhe. Into ecacileyo kodwa ngoku kukuba iSekhukhune United iza kuya emidlalweni yayo yokugqibela kule sizini isongwayo engekho umqeqeshi wayo oyintloko. USeema wafika kwiSekhukhune kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.
Wangena esihlalweni esashiywa nguBrandon Truter owachithwayo yiSekhukhune ngenxa yeziphumo ezazingezihlanga. USeema washiya iPolokwane City ngesiquphe kungekho ngxaki ebikiweyo waya kwiSekhukhune ethe makathi gu bucala ngoku kude kuphele isizini.
Eyona nto eyothuse abantu abaninzi kukuba konke oku kwenzeka iSekhukhune United ingaqhubi kakubi konke konke kwiDStv Premiership. Ihleli kwindawo yesine emva kokudlala imidlalo engamashumi amabini anesibhozo kule sizini. Imidlalo eliyidlalileyo iqela phantsi kwakhe uSeema ingamashumi amabini ananye.
Kuloo midlalo, iSekhukhune iphumelele esibhozo, yadlala ntanganye kwelithoba yaze yaphulukana nemine kuphela. Ukuba iyiphumelele imidlalo emibini eshiyekileyo ngoku, iSekhukhune iqinisekile ngokuvala isizini iphakathi kwamaqela amane aphambili kwiDStv Premiership. Abasemfuthweni wolwazi bathi uMacDonald Makhubedu noPaulus Masehe baza kuxhuzula imikhala kude kuvalwe isizini kwiiveki ezimbini ezizayo.
UMakhubedu unethuba elide elisekela labaqeqeshi abafike phambi kukaSeema. Naye uMasehe lisekela – kodwa unexesha elingeneno kunelikaMakhubedu. Emdlalweni olandelayo iSekhukhune iza kwamkela AmaZulu ngempelaveki. Nangona isendaweni entle iSekhukhune – kodwa abaqeqeshi abakhoyo ngoku baza kufuna ukuvala isizini kakuhle.
Nawo kwelawo icala AmaZulu aza kube efuna amanqaku apheleleyo ngoba asengaphandle kweTop 8 emva kokubambana neKaizer Chiefs emdlalweni wempelaveki egqithileyo. IBabina Nako iza kuvala isizini ngeChippa United esindileyo ezembeni – kodwa nayo esakhangela indlela yokuvala isizini isendaweni ebhetele. Ukuba kungenzeka iSekhukhune ibethwe, ingalahlekelwa yindawo ekuyo ngoku.
UTinkler ugxeleshe ukubetha AmaZulu avale unyaka!