UZwane ufuna AmaZulu adlale ngaphandle koloyiko ngomso!

UVusumizi Vilakazi no’Arthur Zwane ngabaqeqeshi baMaZulu. Umfanekiso: Facebook

AmaZulu aya emdlalweni olandelayo ephantsi koxinizelelo emva kokubethwa kwegqithileyo. Ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngomso, AmaZulu aza kulwela ukufumana amanqaku amathathu okokuqala kule sizini xa edibana ne’Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership oza kube use’Orlando Stadium.

Abaqeqeshi abatsha, uArthur Zwane noVusumuzi Vilakazi, banoxanduva lokususa AmaZulu emsileni weBetway Premiership emva kokugqwidiza kuyo yonke imidlalo yale sizini. Ngenxa yeziphumo ezibini, abaphathi beqela bagqiba kwelokuba bamgxothe uPablo Franco Martin waseSpain.

Endaweni yakhe, kudityaniswe abaqheliswa ababini: uZwane noVilakazi. Nangona besengabaqeqeshi abatsha – kodwa banawo amava okuqeqesha kwiPSL. UZwane ukhe waqeqesha iKaizer Chiefs ekungazange kuhambe kakuhle kuyo. Yena uVilakazi ukwazile ukusindisa iRichards Bay ezembeni kwisizini egqithileyo – kodwa wagxothwa ngenxa yefuthe labaxhasi beqela abafune iinguqu.

Nangona kukho uxinizelelo, uZwane uthi kufuneka abadlali badlale ibhola ndlela abayiqhelileyo. “Sifuna abadlali bethu badlale ngaphandle koloyiko. Asikwazi ukuba kwiPSL siphinde soyike ukuphumelela imidlalo. Akukho qela esingenokwazi ukulibetha ngabadlali esinabo eqeleni lethu,” utshilo uZwane ethetha neentatheli kule veki.

AmaZulu asazikhotha amanxeba emva kokukhutshwa yiStellenbosch kutshanje kwiCarling Knockout. “Siphantse sayothusa iStellenbosch emdlalweni weCarling Cup. “Akukho qela eliza kuzihambela nje kuthi ngoba sinabadlali esibathembileyo. Kuye kwanyanzeleka ukuba izikhuphe zonke iinduku zayo ukuze idlule kuthi.

“Akukho mdlalo olula kwiBetway Premiership. Okubalulekileyo kukufika komdlalo sizilungiselele. Asizikhathazi nokuba leliphi iqela esidibana nalo. Sinabo abadlali, leyo into asiyithandabuzi. Siyayazi ukuba kukho la nto yokubethwa kwabo emidlalweni egqithileyo ezingqondweni zabo. Kodwa ke luxanduva lethu ukubaphakamisa abadlali,” utshilo uZwane.

Lwesihlanu: Pirates v AmaZulu, Orlando (7.30pm)

Mgqibelo: Royal vs Sekhukhune, Harry Gwala (3pm); Gallants vs Galaxy, Free State (3pm); Bay vs Stellenbosch, King Zwelithini (3pm); SuperSport vs Chiefs, Peter Mokaba (5.30pm); Chippa vs Arrows, Nelson Mandela Bay (8pm)

Cawe: Polokwane vs Sundowns, Old Peter Mokaba (3pm); CPT City vs Magesi, Athlone (3pm).