Uxoza omny’ umphini uNontshinga ezingela intshinga kwakhona!

USivenathi Nontshinga ukhangela iimbethimanqindi ezinomnceda akhule emanqindini. Umfanekiso: Facebook

Emva kokuphulukana netayitile yakhe kunyaka ophelileyo, uSivenathi Nontshinga ulungiselela ukubuyela eqongeni kwakhona kulo nyaka. Oku ukwenza emva kokuba ebethwe kunyaka ophelileyo nguMasamichi Yabuki wathatha intshinga ye-IBF World Light Flyweight ekuthambekeni konyaka ophelileyo.

Le mbethimanqindi yaseMpuma Koloni inethemba lokufumana ithuba lokubuyisa isidima sayo emanqindini ehlabathi esalahleka izama ukuba yintshatsheli ityeli lesithathu ebomini bayo. Ingenzeka lo nto ngoba uNontshinga usebenza noColin Nathan – indoda eyaziwayo ngokuvelisa iintshatshelii.

Okuhle ngaye uNathan kukuba usebenza noSivenathi ongonqeniyo ukusebenza. Noxa kungekacaci kakuhle ukuba inkampu yakhe iza kufumana bani – kodwa uNontshinga uthi akakuchasanga ukudibana namadoda aziwayo emanqindini ehlabathi afana noSunny Edwards noKenshiro Teraji.

Akhona amathuba okudibana noSunny ngoba bobabini baphantsi kuka-Eddie Heam ongumthelekisi. “USunny yimbethimanqindi elwa kakuhle kakhulu. Akukho nto ingako endingayithetha ngaye. Ukuba kuyenzeka sidibane, makwenzeke. Masidibane eqongeni.

“Into esengqondweni yam ngoku kukuba imilo elandelayo iza kundenza imbethimanqindi engcono njani. Ukuba uSunny uya kufuna ukulwa noNontshinga, siza kudibana,” utshilo uNontshinga kwiBoxingScene.com kutshanje. USunny naye ebeke wayintshatsheli yehlabathi izihlandlo ezibini ngokufanayo naye uNontshinga.

Uthi akanangxaki nokulwela eYurophu ngoba uyimbethimanqindi ekwaziyo ukuphumelela nokuba kuphi. Noxa ukudibana noTeraji kungamnika ubunzima – kodwa uNontshinga uthi angakuvuyela. Phantsi kwegama lakhe, uKenshiro Terajo unetayitile yeWBA neyeWBC lightweight.

“Ndifuna ukukhula emanqindini. Ukulwa noTeraji ingayinto entle ngoba yimbethimanqindi esemgangathweni ophezulu. Onke amabhanti anawo ndiyawafuna futhi liphupha lam elo,” utshilo uNontshinga ekungenzeka adibane noChristian Araneta kulo nyaka.