Ebesisifu ngumsindo uVusumuzi Vilakazi emva kokubethwa kwaMaZulu ngendlela engaxolisiyo. AmaZulu awiswe yiMarumo Gallants ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eDR Molemela Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Ibhakuzelise umnatha kwangoko iMarumo Gallants ngebhola efakwe nguJunior Zindoga emzuzwini weshumi elinesibhozo kwisigaba sokuqala somdlalo. AmaZulu aye anyusa umxakatho ngelizama indlela yokucima ityala emdlalweni.
Emzuzwini wamashumi amabini anesihlanu, uRowan Human uwiswe phakathi emhlabeni kanozinti – kodwa usompempe khange avume ukunika AmaZulu ipenela. Khange atyhafe AmaZulu, alwele ukufumana igowuli kwakhona.
Eyona nto ekhalisa abaqeqeshi kukuba AmaZulu alifumene igowuli – kodwa usompempe khange avume ngelithi ibhola ayidlulanga yonke emgceni. Xa ivezwa kakuhle ethivini, ibhola ibonakele kakuhle idlule emgceni. Khange ibaphathe kakuhle lo nto abaqeqeshi boSuthu.
UVilakazi uthe abangobantu abakuthandayo ukugxeka oosompempe – kodwa izigqibo ezithathwe ngusompempe ziliqhokrile iqela lakhe emdlalweni. “Ndidane kakhulu yindlela asebenze ngayo usompempe namhlanje,” utshilo uVilakazi emva komdlalo kwiSuperSport TV.
“Ndithe mandize nefowuni yam ukuze nibone ubungqina. Izinto ezimbi emdlalweni zenzeke kwelethu iqela emdlalweni – kodwa siyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bethu. Badlale kakuhle futhi bebebonakala ukuba bafuna ukuphumelela,” utshilo uVilakazi.
Sekulithuba elide kukhalwa ngoosompempe ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika. Akukho themba lokuphucuka kwezinto ngoba iSafa ayinayo imali yokumilisela iVAR encedisa oosompempe kwamanye amazwe. Uthembisile umphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, kuthanje kodwa akukacaci ukuba iza kumiliselwa nini.
“Ibingeyomini yethu namhlanje. Amathuba wona ebekhona ebekufanele ukuba siwasebenzisile. Bandiphoxile kakhulu oosompempe abaphike igowuli lethu. Le nto isisiphoxo ebholeni yeli lizwe,” utshilo uVilakazi. AmaZulu aza kundwendwela iSekhukhune United emdlalweni weBetway ngoLwesithathu wale veki.
USteenhuisen utyelele uMisizulu