Yenze umtsi oya phambili kwakhona i’Orlando Pirates emva kokuphumelela kwayo namhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba iBucs igubungele iBaroka FC ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obunhle e’Orlando Stadium ngale njikalanga. Bekunzima kakhulu ekuqaleni komdlalo ngoba akukho qela ebelifuna ukulahlekelwa.
Kodwa ngoba iPirates inabadlali abaqheleneyo nemidlalo enzima, iye yazama ukuwisa udonga ebelenziwe ngabadlali beBaroka FC ebifuna ukuya kwixesha lokuphumla isenamandla. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates inamagowuli amabini ebhodini. Igowuli lokuqala ulifake uTshegofatso Mabasa emva kokunikelwa ibhola entle kakhulu nguDeon Hotto.
Kugqithe nje imizuzu embalwa, uMabasa uphinde wangcangcazelisa umnatha ngebhola ayidlalelwe nguPatrick Maswanganyi ongene Phakathi kwamadoda wawashiya edanile. USipho Chaine ebesekhefini, ebengaya nasevenkileni ngoba abadlali beBaroka khange bakwazi ukumsebenzisa kwisigaba sokuqala sade saphela.
Umgangatho womdlalo uye wenyuka kwisigaba sesibini. Omabini amaqela ebefuna ukufaka amagowuli. Uphindile uMabasa wafaka igowuli lakhe lesithathu kwatsho kwacaca ukuba iPirates iza kuphumelela. Kodwa into encomekayo kukuba iBaroka khange inikezele. Ilwile iBaroka yade yalifumana igowuli lokubika ekhaya.
Ngelishwa layo, uChaine uchithe iibhola ezimbi ebizama ngazo ukongeza kwelinye elifumeneyo. Iphele kanjalo indlela yeBaroka eyakhe yabetha iPirates kwiTelkom Cup kwiminyaka edlulileyo.
Komnye umdlalo, iMarumo Gallants ibethe AmaZulu ngegowuli elinye emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe emdlalweni obubanjelwe eDr Molemela Stadium namhlanje emalanga. Kanti iDurban yothuse umzi ngokubetha iTS Galaxy ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obusebusuku izolo.
Kufunyenwe iinkomo ezibiweyo ezixabisa ngaphezulu kwezigidi ezibini zeerandi