USihlalo weTS Galaxy, uTim Sukazi, ubhengeze itumente entsha kraca eza kudlalwa liqela lakhe neqela laseYurophu ekuthiwa yiFC Augsburg. OkaSukazi wenze isibhengezo izolo emini kwindibano yoonondaba. Igama letumente kuthiwa yiMpumalanga Premier’s International Tournament. Kulindeleke ukuba idlalelwe kwibala elikhulu eMpumalanga, iMbombela Stadium, kwinyanga yeKhala phambi kokuvulwa kwesizini elandelayo. Noxa emabini amaqela ngoku aza kuthatha inxaxheba, kungenzeka kongezwe amanye amabini.
“Namhlanje sizokwazisa ukuba siphehlelela itumente entsha, iMpumalanga Premier’s International Tournament 2024. Yitumente ekuza kudlala kuyo iTS Galaxy neFC Augsburg yaseJamani edlala kwiGerman Bundesliga. Nangona amaqela aphambili iyiTS Galaxy neFC Augsburg – kodwa sinenjongo yokongeza amanye amaqela amabini atsho abe mane. Sisa thetha namaqela alapha eMzantsi Afrika namanye aseYurophu,” utshilo uSukazi obechwayitile izolo. Uye wachaza ukuba kutheni bekhethe iqela laseJamani.
“Siqwalasele ngobunono iqela esiza kusebenzisana nalo kule tumente entsha. Kubekho iqela elinezinto ezifanayo nezeTS Galaxy. Sifumene iqela kwiGernam Bundesliga elizimiseleyo njengathi. Ukuba uya qwalasela kule sizini, liqela elidlala kakuhle futhi engelingene kwiEuropean Championship. Yimeko efanayo neyethu emva kokuphoswa kukuya kwiCAF Confederation Cup ngenxa yegowuli elinye qha,” utshilo uSukazi. Iqela lakhe lizamile ngoba likwazile ukuvala isizini liphakathi kwamaqela angene kwiTop 8.
Nakubeni itumente entsha iza kunceda iTS Galaxy kumalungiselelo wayo phambi kwesizini yeDStv Premiership elandelayo – kodwa yona iza kunceda nakwicala lokhenketho eMpumalanga. Ukuba angafumana iqela elinabalandeli apha eMzantsi Afrika, ingayinto enkulu kakhulu. Kulindeleke ukuba iTS Galaxy ilwele indebe ngamandla kwisizini ezayo emva kokuba iphoswe kancinci yiCarling Knockout kwedlulileyo. USead Ramovic wenze umsebenzi omhle ngoku ufunwa nayiChiefs.
iMagesi FC ziintshatsheli ezintsha zeCarling Knockout Cup!!