UThembi Kgatlana uthi kubancedile ukudibana namaqela amakhulu kutyelelo lakutshanje eYurophu. Oku ukuthethe emva kokuba aBanyana Banyana bebethwe ngamagowuli amabini kwelinye yiNgilane emdlalweni wobuhlobo obuseCoventry City ekuqaleni kwale veki. Kanti kwiveki ephelileyo, aBanyana Banyana bavuthululwe ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni yiDenmark.
Ngokutsho kwakhe uKgatlane, uMzantsi Afrika uzuze nto ekudlalela neDanmark neNgilane ngoba ngamaqela asemgangathweni ophezulu ebholeni yehlabathi. Emdlalweni wokugqibela, amaNgesi ebenamandla futhi adlale ibhola ephucukuleyo. Afumene amagowuli amabini kwangoko emdlalweni – kodwa uMzantsi Afrika ubuye ngamandla kwisigaba sesibini, ngakumbi emva kwegowuli lokubika elifakwe nguThembi Kgatlane odlalela iqela laseMexico.
“Bekukuhle ukudlala imidlalo esisuka kuyo ngoba isincede kumalungiselelo wethu. Ngoku abaqeqeshi nabadlali bacacelwe ziindawo ezifuna ukuphuculwa eqeleni,” utshilo uKgatlana emva komdlalo eYurophu. Njengokuba uMzantsi Afrika ulungiselela ukukhusela indebe yeWafcon ekunyaka ozayo, uKgatlana ucinga ukuba imidlalo egqithileyo incede abaqeqeshi ukuze babone iqela labo ukuba lindawoni.
“Kufuneka silungise izinto eziyingxaki siqhubele phambili nezinto esizenza kakuhle. Asidlalanga kakuhle neDenmark. Umdlalo siwuqale kakuhle – kodwa soyisakala kwisigaba sesibini ekufakwe kuso amagowuli. Sifuna ukudlala namaqela amakhulu njengokuba sisiya kwiWafcon,” utshilo uThembi. Naye uDesiree Ellis waleke umsundulo ngelithi uyithandile indlela abadlali abadlale ngayo nangona bengaphumelelanga.
“Yah, akekho umntu ongena ebaleni enenjongo zokubethwa ngo’5-0. Asinto ebesiyifuna, iyenzeka xa ungazenzi kakuhle izinto ebaleni. Kodwa siye sayinyanzela nathi yenza iimpazamo iDenmark. Emdlalweni wanamhlanje besifuna umdlalo ongcono kunogqithileyo. INgilane ikhokele ngo’2-0 kwisigaba sokuqala – kodwa uMzantsi Afrika ulwile wafumana igowuli,” utshilo uEllis emva komdlalo eNgilane.
Amapolisa aseMpuma Koloni afumene izithuthuthu zokuncedisa kumsebenzi wawo