USteve Komphela ulindele iChiefs elushica emdlalweni weCarling Knockout Cup

USteve Kompela ulindele umdlalo onzima xa iMamelodi Sundowns idibana neKaizer Chiefs emdlalweni weCarling Knockout Cup oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya namhlanje. Amatikiti omdlalo sele ethengiswe aphela izolo. Umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba kunyanzelekile kubekho iqela eliphumelelayo.

Amakhosi aya emdlalweni wanamhlanje enomsindo ngoba abethwe ngo’2-1 emdlalweni weBetway Premiership obukwinyanga ephelileyo – kodwa nayo iSundowns iya emdlalweni ifuna impumelelo. Amakhosi awakaqini kakuhle nakubeni zikhona iimpawu ezithembisayo emdlalweni wawo.

UKomphela uvumile ukuba ngokwenene lukhona utshintsho olubonakalayo kwiChiefs phantsi kukaNasreddine Nabe ongene endaweni kaCavin Johnson. Into ebangele iChiefs ithelekiswe neSundowns kwangoko kwiCarling Cup kukuba khange iqhube kakuhle kwisizini egqithileyo.

Amaqela abekwiTop 8 akhethiwe ukuze angadibani odwa kwiCarling Cup. Indlela yokubuyisa isidima sayo iChiefs kukuba kubekho into eyiphumelelayo kule sizini. “Andiqondi ukuba yinto elungileyo ukuza apha ndifike ndihlalutye iingxaki zeChiefs.

Ewe, zikhona iindawo enamandla kuzo, zibekhona nezo ingenamandla kuzo – kodwa into encomekayo kukuba idlala ngokuzithemba ngoku. Likhona ifuthe elivakalayo kwiChiefs phantsi kukaNabi. Yinto encomekayo ke leyo ngoba kuza kukhula ukhuphiswano phakathi kwamaqela eBetway Premiership.

“Ukuphucuka kwayo iChiefs kuza kukhulisa ibhola ngokubanzi,” utshilo uKomphela kwiintatheli. Nakubeni iSundowns ike yabethwa yiPolokwane City emdlalweni weBetway Premiership kwiveki ephelileyo – kodwa ivuke ngeCape Town City eyibethe ngamagowuli amathathu eqandeni.

Amasandawana aya emdlalweni enethemba lokongeza iingxaki zeChiefs ezibonakele ngethuba idlala neMagesi FC emdlalweni obusekuqaleni kwale veki ePolokwane. UPeter Shalulile noLucas Ribeiro ngabona badlali ekulindeleke bayifake engxakini iChiefs enonozinti ongaqinanga ezipalini.