UStanley Nwabali ulungiselela ukuqala ubomi obutsha kwelinye iqela

UStanley Nwabali ngunozinti weChippa United. Umfanekiso: Facebook

Okucace gca emva kweAfrica Cup of Nations kukuba unozinti weChippa United akazukuhlala kuyo emva kwesizini eqhubekayo. UStanley Nwabali ngomnye woonozinti abathe baziqaqambisa ngendlela encumisayo kwitumente ebibanjelwe e-Ivory Coast kutshanje. Njengokuba iNigeria yoyiswe emdlalweni wokugqibela ngo’2-1, uNwabali wenze indima ebonakalayo ngokuba ngomnye woonozinti abambalwa ekufakwe kubo amagowuli ambalwa. Umsebenzi wakhe wanconywa kakhulu nguMnu. uSiviwe Mpengesi – uSihlalo weChippa United.

Emva kokuphethwa kweAfcon, kuvakele iindaba ezithi maninzi amaqela amfunayo apha eMzantsi Afrika naseSaudi Arabia – apho imali ikhiwa ngezitya khona ngabadlali kwiSaudi Pro League. Nakubeni kunjalo, uNwabali uthi ebengavuya ukuba ebenokuhlala iminyaka nokuba mibini kwiChippa United. UNwabali ukuthethe oku kwiSABC Sport emva kokuthelekiswa kwamaqela ashiyekileyo kwiNedbank Cup. “Ukuzithemba kuya khula xa udlala phantsi koSihlalo oziqondayo izinto njengomntu olunge njengoMnu. Mpengesi,” utshilo uNwabali eGoli ekuqaleni kweveki.

“Kumnandi ukudlalela uSihlalo ofuna abadlali bakhe bazive kamnandi naxa bedlalela amaqela esizwe. Enyanisweni, bendingavuya ukuchitha iminyaka nokuba mibini ndidlalela iqela lakhe. Bendingavuya ukuhlala kwakhona ngoba uyindoda elungileyo. Uye wandinqwenelela okuhle ndidlalela ilizwe lam (iNigeria). Ndifuna ukumbulela ngokundibonisa uthando. Kodwa ke liyaphela ixesha kwiChippa United ekupheleni kwesizini. Ukuba ikhona into entsha, kulungile mayize,” utshilo uNwabili ekucacileyo ukuba kukho apho aya khona nangona iseyindaba yakwamkhozi.

Amaqela ekuthiwa ambeke esweni yi’Orlando Pirates neKaizer Chiefs apha eMzantsi Afrika. Kodwa ikhona into ethi uyafunwa eBelgium naseFrance. Kulindeleke uNwabali abuyele kwiChippa xa ithathana neStellenbosch FC emdlalweni weDStv Premiership oza kube useDanie Craven Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlani. Iqela laseMpuma Koloni liza kulwela amanqaku amathathu ukuze linyukele endaweni ebhetele kwiDStv Premiership emva kokudlala ntanganye ngegowuli elinye macala neCape Town City emdlalweni obuseMonti kutshanje.