USeema uphawula ngoLinda Mntambo oxakileyo kwiDStv Premiership

Umqeqeshi weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, udize unobangela wokudlala kakuhle komdlali wakhe ophambili, uLinda Mntambo, emva kokuphuncuka ekonzakaleni okumbambe ixesha elide. OkaMntambo, 34, uncedise iSekhukhune ngendlela encomekayo emidlalweni egqithileyo. Kule veki, uMntambo ubhakuzelise umnnatha kabini emdlalweni iSekhukhune United ebambene kuwo neCape Town City ngo’2-2. Emidlalweni embalwa yakutshanje, uMntambo sele efake amagowuli amane onke.

Okuhle ngokuqhuba kakuhle kweSekhukhube kukuba ngoku iphakathi kwamaqela alwela indawo yesibini kwiDStv Premiership. Ethetha emva komdlalo wale veki, uSeema uthe uMntambo uqhuba kakuhle ngoba iqela lonke lidlala kakuhle watsho evakalisa nokuchulumanca kwakhe yindlela alinceda ngayo iqela. “UMntambo uyinxalenye yeqela. Naye uyazi ukuba izinto zimhambela kakuhle ngoba kukho abantu asebenzisana nabo. Sonwabile ngoba uyazazi ukuba ungumdlali weqela,” utshilo uSeema.

“Kuhle ukuba nomdlali okwaziyo ukufunqula iqela xa izinto zingalihambeli kakuhle. Ndonwabile – kodwa andikufuni ukubalula umdlali omnye bonke abadlali balwile ebaleni. Isibilisile iCape Town City ngoba inabadlali abasakhulayo abanamendu kakhulu. Asikwazi ukuhlala sizilungiselele kakuhle ngoba imidlalo isondelelene,” utshilo uSeema emva komdlalo kule veki. Emva kokuthenga kakhulu abadlali ekuqaleni kwesizini, kukhangeleka ngathi iSekhukhune United iza kuvala isizini isendaweni ebhetele kule sizini.

Impumelelo iza kuyikhuthaza iSekhukhune eza kudibana neStellenbosch FC esiyingozi emdlalweni weDStv Premiership oza kube useDanie Craven Stadium ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo uza kuba nzima ngoba omabini amaqela alwela indawo ephezulu. Emva kokubetha iChiefs, iStellies ngeke ivume ibethelwe ekhaya ngoba ifuna ukubethelela indawo yayo emva kweSundowns. Kufuneka uSeema aqule aligangathe ukuze amakhwenkwe wakhe akwazi ukubetha iStellenbosch phambi kwabalandeli bayo.