Umqeqeshi weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, uncome umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe emva kokuphumelela kweqela lakhe. Oku okuthethe emva kokuba iSekhukhune United ingcwabe iSuperSport United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngorhatya izolo.
Ifolosi efikayo, uAndy Boyeli, yiyo efake amagowuli amathathu anike impumelelo iqela likaSeema elihleli kwindawo yesithathu kwiBetway Premiership. “Mandincome umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali. Abantu bangacinga ukuba umdlalo ubulula, kanti akunjalo.
Besisazi kodwa ukuba akufakwanga gowuli kuthi kwisigaba sokuqala, sinalo ithuba elihle lokuphumelela umdlalo. Bekunzima ngoba ibisilwa nayo iSuperSport United isebenzisa uVincent Pule obesithi esephikweni abe ezama ukuthubeleza Phakathi,” utshilo uSeema emva komdlalo.
Nakubeni ithe kratya ngomdlalo omnye, iSekhukhune iphefumelela emagxeni we’Orlando Pirates ebixakekiswe ngumdlalo weCAF Champions League. “Sisokoliswe nanguGamphani Lungu kwelinye icala. Kuba besibazi ubunzima esijongene nabo, siye saqinisekisa ukuba sinabadlali abonele umthwalo esiswini.
“Bekubalulekile ukulwa iibhola eziphezulu ebezivela emaphikweni. Ukuzithemba kuza kunyuka ebadlalini emva kwalo mdlalo. Kuyandivuyisa ukuphumelela umdlalo ngamagowuli amathathu eqandeni. Ndivuyela kakhulu uBuyeli ofake amagowuli wethu ngoba siyamazi ukuba uhambe indlela ende kakhulu ukuze abe kwindawo akuyo ngoku.
“Kuphunguke noxinizelelo kuChibuike Ohizu esixhomekeke kuye kwicala lamagowuli,” utshilo uSeema olebele ngokubulela abalandeli beqela lakhe. Nangona iSuperSport United isadlale imidlalo elishumi kule sizini eqhubekayo, kuloo midlalo sele ilahlekelwe yemine. Ihleli kwindawo yeshumi ecacisa ukungahambi kakuhle kwezinto kuyo.
Umthetho wayo idla ngokuba iphakathi kwamaqela amane aphambili. Enye yezinto eziyiphazamisileyo emdlalweni wayizolo likhadi elibomvu elifunyenwe nguTashreeq Morris ngenxa yokudlala kakubi. Amatsatsantsa aza kudibana nePolokwane City ngempelaveki emdlalweni oza kube usePitoli.
Imibutho yezopolitiko kwiziphumo zikaGrade 12