UNasreddine Nabi uthi Amakhosi aza kudlalela ukuyibetha iMamelodi Sundowns

Ilizwe loMzantsi Afrika kulindeleke ukuba licandeke kathathu xa kuqala umdlalo omkhulu woomakadezondana. Kukho abaza kuxhasa amaqela omabini ngokwahlukana kwawo, kuphinde kubekho ookhwelecingweni abathi: ‘sakutya elifileyo’. Oku kulindeleke kwenzeke xa kudibana iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns emdlalweni weCarling Knockout obekelwe intsimbini yesithandathu ngorhatya eFNB Stadium.

Umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba indebe seyivele ngeempondo kuwo omabini amaqela kule sizini. Amakhosi aya emdlalweni enethemba lokubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye. Afuna ubuyisa isixhiba kwiSundowns ebiwabethe kwinyanga ephelileyo – kanti akufuna shushu nokuya phambili kwiCarling Knockout Cup.

Nayo iSundowns iza kuya ngamandla wayo onke ngoba uManqoba Mngqithi unoxanduva lokuqokelela iindebe. Nakubeni uNasreddine Nabi esithi iChiefs ayikakulungeli ukuthatha iindebe – kodwa uthe iza kudlalela ukuphumelela eFNB Stadium eza kumumatha amawakawaka abalandelii bebhola ekhatywayo.

Amatikiti okungena emdlalweni athengiswe aphela ngoLwesihlanu – into engaqhelekanga xa kudibana iChiefs neSundowns. Ethetha neentatheli ngoLwesine, uNabi uwukhumbula kakuhle umdlalo iChiefs ebethwe kuwo yiSundowns kwinyanga ephhelileyo. “Ndinethemba lokuba umdlalo wangoMgqibelo uza kubonwabisa abalandeli.

“Omabini amaqela aza kudlalela ukuphumelela ukuze aye phambili kwiCarling Knocout,” utshilo uNabi phakathi evekini. “iSundowns lelinye lamaqela amakhulu kwiAfrika yonke. Lo nto ayiyenzi ncinci iChiefs. Siza kuya emdlalweni sizithembile futhi siza kwenza ngako konke okusemandleni wethu ukuze siphumelele umdlalo. Siya emdlalweni sizithembile kakhulu,” utshilo uNabi.

Amakhosi aya emdlalweni weCarling Knockout engaqhubanga ngendlela encumisayo. Abethwe yiSuperSport United ngo’1-0 emdlalweni weBetway Premiership ngempelaveki egqithileyo. Kanti kule veki ngoLwesibini abambene neMagesi FC ngo’2-2 emdlalweni obusePolokwane. Izithembile iSundowns emva kokungomba iCape Town City ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obukule veki.

Nakubeni kunjalo, uNabi akanalo uvalo. “Abadlali bam abanalo idyudyu konke konke. Into abayifunayo abadlali abasebalini kuthi yinkuthazo. Kukho ikhonkco phakathi kwabadlali nabaqeqeshi. Wonke umntu uzimisele ukwenza eyakhe indima ukuze kuphumelele iinjongo zeqela,” utshilo uNabi onikwe uxanduva lokuvusa iChiefs eneminyaka elishumi ingaphumelelanga ndebe.