Emva kokuba abalandeli bebonise umsindo wabo ebaleni izolo, uMolefi Ntseki uxelele iintatheli namhlanje ukuba ukuqonda kakuhle okubangele babe nomsindo. Kuye kwanyanzeleka uNtseki akhuselwe ngamaPolisa emva kokuba iKaizer Chiefs ibethwe yiSuperSport United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium izolo ebusuku. Igowuli aphumelele ngalo Amatsatsantsa lifakwe nguTerrence Dzvukamanja emzuzwini wokuqala umdlalo uqalile emva kokufumana ibhola egotywe ngobuchule ngugxa wakhe, uBradley Grobler. Ukubethwa kweChiefs bekulandela ukubambana kwayo ngeqanda neRoyal Am emdlalweni obukwimpelaveki egqithileyo eFNB Stadium.
Yiminyaka esibhozo evisayo ngoku iChiefs ingasaphakamisi ndebe. Lo nto yenza abalandeli bayo bahlale benolaka ngoba abayiqhelanga into yokunqatyelwa ziindebe. Okwenzeke izolo kufane nqwa nokwenzeke eMbombela Stadium kwiiveki ezigqithileyo emva kokuba iChiefs yabethwa yiT.S Galaxy. UBobby Motaung ubacenge wancama abalandeli abe bemfuna esiqwibini umqeqeshi weChiefs. Seyithande ukuqheleka into yokubethwa kwabaqeqeshi ngabalandeli beChiefs. Naye uArthur Zwane wancedwa ngamaPolisa ukuze aphume eRoyal Bafokeng Stadium kwisizini egqithileyo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwakhe esaqeqesha iChiefs. UNtseki ucele abalandeli ukuba babe nomonde ngoba iqela lithenge abadlali abasemgangathweni ophezulu – kodwa ekufuneka baqale baqhelane nabanye.
“Ndicinga ukuba bayenziswe kukuphoxwa ziziphumo zomdlalo into abayenzileyo abalandeli. Balindele iziphumo ezihle kuthi emidlalweni yethu,” utshilo uNtseki ezolile namhlanje eGoli. “Xa singaphumeleli imidlalo efana nalowa esiwudlale ngempelaveki, ngeke abalandeli bangaphoxeki. Nangona bekhathazekile – kodwa ndicinga ukuba sineqela elihle. Lidlala umdlalo omhle futhi nabadlali bayazama ngako konke. Sicela babe nomonde. Indlela ebesicwangcise ngayo isebenzile emdlalweni wayizolo. Into ebe yingxaki kukufakwa kwegowuli kuthi kwangoko emdlalweni,” utshilo uNtseki. Amakhosi alungiselela ukudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni obalulekileyo weMTN8 oza kube useLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo
iSundowns igube Amathambo athi saa emdlalweni obuseLoftus Stadium